Amagqabantsintsi eendaba zolwaphulomthetho

Kukhangelwa abarhanelwa abaxhomise eMotherwell

Amapolisa aseBhayi akhangela abarhanelwa abalishumi abaqhekeze kumzi othile eMotherwell ngentseni yangoLwesihlanu.

Isithethi samapolisa eMotherwell uMncedi Mbombo udize ukuba la madoda alishumi afike akhaba icango kwindlu yalo mzi okwisitalato iMgwenyama kwaN.U. 6 eMotherwell phambi kwentsimbii yesine ekuseni.

Emva koko ahlasele utata weli khaya kwakunye nenkosikazi yakhe athatha iimpahla exabiso liqikelelwa kwi-R15000. Emva koko abaleke ngemoto yohlobo leToyota Quantum.

Akukho mntu udutyulweyo koluqhekezo, nangona kubikwe ukuba isibini sabarhanelwa besixhobe ngemipu. Ityala lokuqhekeza livuliwe.

…………………………….

2. Intwazana yaseNgqamakhwe ibanjwe nelahle lompu                             

Intwazana enamashumi amabini anesine yeminyaka ubudala ibanjwe ngamapolisa aseNgqamakhwe emva kokuba ifunyenwe inompu oneembumbulu ezingamashumi amabini anesihlanu kwaye ungenampephamvume.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, le ntwazana ibanjwe ikowayo kwilali yakwaMkiva kwaSokapase eNgqamakhwe emva kokuba amapolisa ehletyelwe ngabahlali ukuba inompu.

 

Umrhanelwa ubanjwe ngorhatya langoLwesibini kule veki, wavela kwinkundla kaMantyi eNgqamakhwe ngoLwesithathu. Ityala lakhe limiselwe uMvulo weveki ezayo.

 

UManatha uthi umpu uthathiwe ngamapoliswa, kwaye usahlolwa ukuba khange usetyenziswe kulwaphulo mthetho kusini na.