Imshiye ephoxekile uBrandon Truter into eyenziwe yiChippa United!

Umqeqeshi weSwallows, uBrandon Truter, ushiyeke ephoxekile kakhulu emva kokuba iqela lakhe liphuncule amanqaku amathathu sekuza kuphela umdlalo kule veki. IiNyoni zaseDube ziyeke iChippa United yafumana igowuli elibalulekileyo emva kwexesha elide ihamba emva emdlalweni weDStv Premiership ophele ngo’1-1 eDobsonville Stadium ngoLwesithathu wale veki. URuzaigh Gamildien, owayedlalela iChippa United, ubhakuzelise umnatha kwangoko emdlalweni.

Igowuli elibeke iSwallows endaweni entle – kodwa igowuli likaKurt Lentjies liye liyoxutha intlaka isemlonyeni weSwayi-Swayi ngexesha elibi kakhulu. Njengokuba iSwallows iye yaphulukana namanqaku amathathu, eyona nto ebembi kukuphoswa kwayo lithuba lokuqabela ngaphezulu kweMamelodi Sundowns esathe ngcu kwindawo yokuqala emva kokudlala kwayo ntanganye ngeqanda neBloemfontein Celtic esatsala nzima ukusukela oko kuqale lo nyaka emidlalweni yeDStv Premiership.

UTruber akakwazanga ukufihla ukuphoxeka kwakhe emva komdlalo. “Eyona nto ebibalulekile kuthi phambi komdlalo ibingekokuya phezulu, into ebesiyifuna ngamanqaku amathathu emdlalweni. Ndibe buphoxeka yindlela elifakwe ngayo igowuli elifakwe kuthi. Kodwa nangona kunjalo, amagowuli afakwe nguGamildien noKurt abe mahle. Akululanga kwaphela ukudlala neChippa ngoba umqeqeshi wayo (Dan Malesela) yindoda ethanda umdlalo ocacileyo kwaye siyibonile lo nto emdlalweni namhlanje. Sikwazile ukuwulawula umdlalo kwisigaba sokugqibela somdlalo – kodwa indlela elingene ngayo igowuli kuthi isiphoxile,” utshilo uTruter, oqale ukuqeqesha iSwallows isadlala kwiGladAfrica Championship.

Inqaku elizuzwe yiChippa kwiphondo laseGauteng lithethe ukuthi izuze amanqaku amane emidlalweni emibini. Yinto enqabileyo leyo kwiChippa ekhe yatsala nzima ixesha elide. UMalesela ulamkele ngezandla ezishushu inqaku elifunyenwe liqela lakhe.