UMphathiswa uJackson Mthembu uyangcwatywa ngeCawe

UMPHATHISWA kwiOfisi kaMongameli, uJackson Mthembu, obhubhe ngoLwesine ngenxa yeCovid-19, uza kungcwatyelwa kwikhaya lakhe eMalahleni eMpumalanga ngeCawe.

UMongameli Cyril Ramaphosa umnike umngcwabo waseburhulumenteni lo kaMthembu, okwibakala elibekelwe abaphathiswa ababhubhe besenkomeni.

URamaphosa uthi uMthembu udlale indima ebalulekileyo kumzabalazo weli elitshantliziyo, inkokheli yabafundi kwanenkokheli yabasebenzi, nalapho wayelixhoba lokubanjwa ngamapolisa engcinezelo.

“Udlale indima ekwakhiweni koMgaqo Siseko woMzantsi Afrika, ze wasebenza njengoMphathiswa [MEC] kwiphondo laseMpumalanga. Ebelilungu lekomiti embaxa yeANC [NEC] ukusukela ngo2007,” utshilo uRamaphosa.

Inkonzo yesikhumbuzo kaMthembu iza kubanjelwa kwii-ofisi zeGCIS eHatfield eTshwane ngenjikalanga yangoMgqibelo.

URamaphosa uyalele iiflegi zelizwe ukuba zindandele phantsi ukuqala ngoMgqibelo ukuya ngokuhlwa kwangeCawe, umhla womngcwabo.