Indebe isezandleni zeMamelodi Sundowns

Abadlali beMamelodi Sundowns ehleli phezulu kwiPSL ngethuba bevuyela impumelelo umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Ukuba iMamelodi Sundowns ayikwazanga ukuphakamisa indebe ye-Absa Premier Soccer League kule sizini iya kuzisola ngoba inethuba elihle kakhulu.

Iqela likaPitso Mosimane lithe zava kwindawo yokuqala, lishiya i-Orlando Pirates ekwindawo yesibini ngamanqaku amane onke.

Emva kokuba iBidvest Wits iphumelele indebe kwisizini ka-2016/17, uPitso wathi uza kuya ngqo kula ndawo ikuyo.

Kule mpelaveki, iDowns yamkela iSuperSport United kwidabi lobukhaya eliza kube liseLucas Moripe Stadium ngo’15:30 ngoMgqibelo.

IDowns kunyanzelekile iphumelele ngoba iKaizer Chiefs nePirates zifuthela emagxeni kuyo. Impazamo eyenzayo iSundowns iyakuba yinzuzo kula maqela mabini ngoba nawo asenethemba lokufumana indebe.

Umqeqeshi weSundowns uxelele iintatheli ukuba iyamvuyisa indawo elikuyo iqela lakhe kwaye yonke into isezandleni zabo ngoku, futhi abadingi nokwenzelelelwa ngamanye amaqela.

UPitso ngungqondo-ngqondo webhola okwaziyo ukudida iingqondo zabanye abantu abe yena ephumeza injongo yakhe.

“Kumnandi ukuba phezulu ube ufumbethe amanqaku. Wonke umntu ufuna ukuzifikisela kuwe ke xa uphezulu. Kuyabonakala ukuba kukho abantu abanqwenela silahle amanqaku – kodwa ke mna andikurhaleli ukuba kwenye indawo,” utshilo uPitso.

Ukuhlala phezulu kwiPSL kuhamba noxinizelelo kakhulu. Xa amaqela ecophene njengakule isizini, kufuneka elo likhokelayo liqinisekise ukuba liyayiphumelela yonke imidlalo yalo.

Yilo nto kanye eza kusetyenzelwa yiSundowns njengokuba uJingles ekhangela indlela yokuphumelela indebe yePSL isihlandlo sesithathu phantsi kwegama lakhe.

“Ewe, lukhona uxinizelelo phaya phezulu – akukho nto imbi apho. Kodwa ndifuna ukuthi yonke into isezandleni zethu, asixhomekekanga ekuphumeleleni kwamanye amaqela,” utshilo uPitso.