UMzantsi
Afrika ufumene ithamsanqa elikhulu embuthweni weqakamba wehlabathi. Ekuqaleni
kwale veki, umbutho olawula iqakamba kwihlabathi (International Cricket
Council) ubhengeze kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, okokuba indebe yehlabathi
yamanenekazi (Women’s T20 World Cup) iza kusingathwa nguMzantsi Afrika ngo-2022.
Le yeyona tumente enkulu kwiqakamba yehlabathi edlalwa ngamanenekazi. Indebe
yehlabathi yeqakamba yamanenekazi idlalwe izihlandlo ezisixhenxe ukuza kuthi ga
ngoku. Le iza kudlalelwa eMzantsi Afrika iza kube iyeyesibhozo. Ziindaba
ezemnandi kakhulu ezi kumanenekazi oMzantsi Afrika aqhuba kakuhle kakhulu
kwindebe yehlabathi eqhubekayo ngoku kwilizwe lase-Australia.
Namhlanje,
uMzantsi Afrika uphakathi kwamazwe amane aza kudlala imidlalo yamanqam ephambi
kowamagqibelakankqoyi. Uza kudibana ne-Australia engusotheko kwibala laseSydney
Cricket Stadium. Ngeke kubelula kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika ngoba lidibana
ne-Australia esele iyiphumelele indebe yehlabathi izihlandlo ezine zonke.
Iintokazi zoMzantsi zifikelele kwisigaba esiphambi kwesokugqibela emva komdlalo
obuphakathi kwazo neWest
ngenxa yemvula – kodwa zingabethwanga nakanye kwimidlalo kaGroup B. Kanti
kuGroup A, ilizwe lase-India liza kuqubisana namaNgesi ngorhatya namhlanje.
Ewonke amazwe athi athathe inxaxheba kwindebe yehlabathi yamanenekazi alithoba.
ANA…
Meta AI, wamkelekile kwikhaya lethu lesiXhosa!