Inkqubela yeNMB Giants iyancomeka

UTemba Bavuma odlalela iJozi Stars noBen Dunk weNelson Mandela Bay Giants emdlalweni weMzansi Super League obubanjelwe eSt Georges Park, eBhayi, kwiveki ephelileyo

Yiveki yesibini le iMzansi Super League iqhuba. Umbutho olawula iqakamba, iCricket South Africa, uxikixwa ziingxaki ezinzima kodwa nangona kunjalo, isiqendu sesibini soMzansi Super League siqhubela phambi ngaphandle kwesiphazamiso.

Abalandeli beqakamba abakaphumi ngendlela encumisayo emidlalweni. Lisekhona ithemba lokubona amabala aya kugcwala ekuhambeni kwexesha.

Amaqela akhuphisanayo ngala: yiCape Town Blitz, iNelson Mandela Bay Giants, iTshwane Spartans, iPaarl Rocks, iDurban Heat neJozi Stars. Imidlalo esele idlaliwe ngamaqela onke mithathu kodwa okucacileyo kule isizini kukuba iJozi Stars, ebigila imikhuba kwisizini ephelileyo, ayiqhubi kakuhle kwaphela. Okuhle ngeqela lalapha eMpuma Koloni, iNelson Mandela Bay Giants, kukuba inkqubela eliyenzileyo iyancomeka kakhulu.

Emva kwemidlalo emithathu, iMandela Bay Giants ithe ngcu kwindawo yesibini. Iqokelele ishumi elinanye lamanqaku emidlalweni emithathu.

Kwemibini, iMandela Bay Giants iphumelele kabini, omnye uye wachithwa ngenxa yemvula kwiveki ephelileyo kodwa iye yazuza amanqaku amabini. Isiqalo seqela laseMpuma Koloni livule isizini ngokubetha iJozi Stars ngemitsi engamashumi amabini anane eseSt George’s Park, eBhayi.

Abadlali abancede iNelson Mandela Bay Giants nguJunior Dala ofumene oothinti abathathu eyedwa negqala leqakamba, uImram Tahir obefudula edlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika.

IJozi Stars, eqhayisa ngeziqwayi zabadlali beqakamba abafana noKagiso Rabada noTemba Bavuma, iswazwe ngoothinti abalithoba bonke emdlalweni wangempelaveki egqithileyo.

Njengokuba iMandela Bay Giants idibene neCape Town Blitz, emdlalweni ophele I’solezwe lesiXhosa selishicilele, inethemba lokunyukela phezulu kuMzansi Super League.

Nayo iBlitz iye emdlalweni ifuna ukubethelela indawo yayo phezulu. Imidlalo yale veki; iTshwane Spartans yamkela iDurban Heat emdlalweni oza kube useSuperSport Park.

NgoLwesihlanu, iPaarl Rocks idibana neJozi Stars kwibala laseBoland Park ngentsimbi yesithathu.

NgoMgqibelo kusasa, iNelson Mandela Bay Giants iza kungquzulana neDurban Heat esatsala nzima kule sizini eSt George’s Park. Ize yona iCape Town Blitz yamkele iPaarl Rocks emdlalweni oza kube useNewlands emini.