Inye iveki yile, kuza kubethwa umntu eMonti!

Le mpelaveki iza kube ixakeke kakhulu eMonti ngenxa yeetumente zamanqindi ezimbini.

Eyokuqala iza kusingathwa yiXaba Promotions kwiholo lase-ICC, eyesibini isingathwe yiRumble Africa Promotions eOrient Theatre.

Umlo ophambili kwitumente yeXaba uphakathi kwentshatsheli yeIBO kwihlabathi, uGideon Buthelezi, oza kube ekhusela kuLucas Fernandez waseArgentina.

UYanga Sigqibo waseZiphunzane uza kujijisana ngebhanti leWBC elingenamntu noRenie Dacquel wasePhillipines.

UNtlantla Ngamntwini waseZiphunzane udibana no-Ulises Lara waseMexico, yomithathu imilo ikudidi lweJuniorBantam.

KwiWelterweight * -Uyanda Nongogo waseMdantsane ungquzulana noAziz Uliza kumlo we-IBF Youth engenamntu.

Itumente ineminye imilo emithathu eza kutaka iintlantsi equka ophakathi kukaLuyanda Ntwanambi noDalisizwe Komani.

Umququzeleli weXPE, uAyanda Matiti, uthi impumelelo yabafana bakhe iza kubabeka endaweni entle.

“Ndineenjongo zokubalwisa imilo emikhulu ngaphezu kwale aba bafana. Kubalulekile ukuba bayiphumelele imilo. Ukuba uphumelele uLuyanda Ntwanambi uza kulwela intshinga yoMzantsi Afrika kwimpukane ungaphelanga unyaka – kodwa njengoko benditshilo, funeka aphumelele lo mlo,” utshilo uMatiti.

Umlo ophambili, uAzinga Fuzile uza kuxhimfana noWaidi Usman waseNigeria kwi-IBF Afrika.

UPhila Mpontshane waseMdantsane ubeka intshinga yakhe esichengeni kumlo wakhe noKoos Sibiya. UKhanyile Bulana uvana amandla noTello Lithebe waseFreyistata kumlo wentshinga eshiywe nguFuzile.

Kudidi lwengcongolo kukho impinda yomlo ophakathi kwentshatsheli yoMzantsi Afrika, uXolisa Magusha oqubisana noAyanda Ndulani.

Isithethi seRAP, uMfesane Nyathela, ubongoze abalandeli bamanqindi ukuba bafike ngethuba.

“Ikwizinga eliphezulu itumente, abalandeli kuza kufuneka bafike ngethuba ngoba iyaqala ngentsimbi yesibini entloko,” utshilo uNyathela.