Inyukela kooxholovane iEastern Cape Aloes egqugqise kwiNetball League!

Isizini yeTelkom Netball League eyaqala eThekwini ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kuTshazimpuzi isongwe eThe Heartfelt Arena, ePitoli, ngomhla weshumi elinethoba kweyeSilimela. Okuncumise abalandeli bomdlalo womnyazi emva kwesiqendu salo unyaka kukuba iqela laseMpuma Koloni, iEastern Cape Aloes, libuye litshatshele kwiTelkom Netball League B. Emva koko iEastern Cape Aloes iye yanyukela kwinqanaba looxholovane, iTelkom Netball League A. Amantombazana aseMpuma Koloni abonise ilizwe lonke ukuba ayakwazi ukudlala umnyazi kwinqanaba eliphezulu, ingakumbi emdlalweni abethe kuwo ngo’48-43 iMpumalanga Sunbirds ebambe indawo yesibini.

Umsebenzi ubungelulanga – kodwa ngoba iAloes iqale isizini iyazi into eyifunayo, ekugqibeleni iye yaphumelela. Into eyakubangela abalandeli namaqela bayihloniphe kukuba emidlalweni elishumi elinane yeTelkom Netball League B, iEastern Cape Aloes khange ibethwe nakomnye. Ngoku iqela likaSameshia Esau liza kudlala kwiNetball League A okokuqala ukusukela ngo-2014 emva kokuba libethe iKingdom Stars ngo’42-39 emdlalweni wokugqibela obutak’ iintlantsi eHeartfelt Arena emalanga ngeCawe edlulileyo. Phakathi kwabadlali abafumene ithuba lokudlala okokuqala kwinqanaba eliphezulu kukho uMothira Mohammed, uSiyamthanda Dingiswayo, iMitha sinxo noMihlali Mgweba.

Abo ngabanye babadlali iLoes eza kutyhala ngabo kwisizini ezayo. Phambi kokubetha iSunbirds, banconyiwe kakhulu abadlali be-Aloes ngumqeqeshi wabo uSameshia Esau othe indlela abalwe ngayo emidlalweni imenze ilunda. UMphathiswa wezemidlalo eMpuma Koloni, uNksz. Fezeka Nkomonye, uliqwabele izandla iqela lomnyazi abelibukele ePitoli. Kanti kwiTelkom Netball League A kuphumelele iGolden Fireballs ebethe iGauteng Jaguars ngo’35-32 emdlalweni obunzima kakhulu. Phambi kokubethwa kwayo iJaguars yaseGauteng, iphakamise indebe yeTelkom League izihlandlo ezihlanu zonke.