Iphantsi koxinizelelo iBorder Bulldogs

Iphantsi koxinizelelo olumandla iBorder Bulldogs kwitumente yeSuperSport Challenge. Eli qela lamkela iSouth Western Districts Eagles ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya lwemivundla eBuffalo City Municipality Stadium ngoLwesihlanu.

Kunyanzelekile aqokelele amanqaku amahlanu amakhwenkwe kaTiger Mangweni, aphinde aqinisekise ukuba iEagles ihamba ingacholanga naphantsi ukuze andise amathuba wawo okufumana indawo kwimidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi.

Umqeqeshi weBorder Bulldogs, uTiger Mangweni, uthi iEagles iza kufika bequle baligangatha. “Siwulungiselele ngeyona ndlela lo mdlalo, ngoba ubalulekile,” utshilo uMangweni.

UMangweni ukholelwa ukuba ukhule ngeyona ndlela umdlalo weBorder Bulldogs.

“Sidlale kakuhle kumdlalo ogqithileyo nangona sibethiwe. Iphucukile indlela abadlale ngayo abadlali. Kubekho umahluko kwindlela esidlala ngayo kule midlalo mibini edlulileyo kunaleya yokuqala kwetumente,”

uMangweni utshilo.

IBulldogs ikwindawo yesine kwiPool South, iqokelele amanqaku alishumi kwimidlalo emithandathu. Amanqaku amahlanu eza emva kokulala kane emgceni kwaza kwabeka iBulldogs kwindawo yesithathu. Ngoku ishiyekelwe ngumdlalo omnye eza kuwudlalela ekhaya neEP Elephants.

Ukubethwa kwayo yiEagles kuya kuthetha ukuthi atshabalele amathuba weBulldogs okudlala imidlalo yokulwela indawo kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi. Lo mdlalo uzayo ubaluleke kuwo omabini amaqela ngoba nayo iEagles ifuna impumelelo eya kuyibeka endaweni entle. Elinye iqela elijonge ngamehlo abomvu indawo kwimidlalo yokulwela ukuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi yiBoland Cavaliers ehleli kwindawo yesibini kuPool South.

Iintshatsheli ezikhuselayo, iDHL Western Province, iCOLLEGE Pumas, neToyota Free State XV, ziqokelele amanqaku angamashumi amabini anethoba oko iqalile itumente kwaye sezinayo indawo kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi.