Iphelile indlela yePirates evuthululwe kanobom yiRaja Casablanca

UDeon Hotto we-Orlando Pirates no-Abdelilah Madkour weRaja Casablanca emdlalweni weCAF Champions League namhlanje eStade Mohamed V. Umfanekiso: BackpagePix

Linye jwi ngoku iqela lebhola ekhatywayo eliza kumela uMzantsi Afrika emidlalweni yeCAF, yiKaizer Chiefs. Oku kwenzeka emva kokuba i-Orlando Pirates iphume ebaleni isophisa emva kokuvuthululwa ngamagowuli amane eqandeni (4-0) yiRaja Casablanca emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eState Mohamed ngolu rhatya. Yona iMamelodi Sundowns ikhutshwe yi-Al Ahly kwiChampions League emva kokubambana ngegowuli elinye macala eLucas Moripe Stadium izolo. Nangona iChiefs ibethwe ngo’3-0 yiSimba SC izolo – kodwa ngoba iphumelele ngo’4-0 eGoli, iye yakwazi ukudlulela phambili kwiCAF Champions League.

AmaBhakaniya aye eMorocco kungekho themba ncam ngoba khange akwazi ukuyithintela ingalifumani igowuli iRaja Casablanca emdlalweni wokuqala ophele ngo’1-1 eGoli kwiveki ephelileyo. Into ebifuneka kwiqela likaJosef Zinnbauer ligowuli kwangoko emdlalweni wanamhlanje yakugqiba ivala emva. Ayenzekanga lo nto emva kokuba uSiphesihle Ndlovu ekhabe ibhola engenamandla ebanjwe lula kakhulu ngu-Anas Zniti emzuzwini wesithandathu kwisgaba sokuqala. Emva koko, uBen Malango uyibeke endaweni entle iRaja ngebhola ayifumene ku-Omar Arjoune.

Ufake igowuli lesibini uZakaria El Wardi ngebhola esuke kuSoufiane Rahimi. Emva kwemizuzu embalwa, uMalanga ufake igowuli lakhe lesibini – kwatsho kwaphela neyona ntlantsi encinci yethemba kwiBucs. Ukungena kukaGabadinho Mhango noNkanyiso Zungu kube nefuthe elincinci kakhulu emdlalweni ngoba iPirates ibisukelwa yiRaja Casablanca. Ekugqibeleni, iPirates ayikwazanga nokufumana neli lokubika igowuli eCasablanca. Iphele kanjalo indlela yePirates kwiConfederation Cup emva kokubethwa ngo’5-1 xa kudibene amagowuli wemidlalo yomibini.