Iphumele ebunzimeni iTornado FC!

ITornado FC ibethe iMatatiele Professional izolo. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

Iqela lebhola ekhatywayo eliphambili eMonti, iTornado FC, lifumene amanqaku apheleleyo izolo emva kokubetha iMatatiele Professional ngo’3-1 kumdlalo obumhle kakhulu we-ABC Motsepe League ngorhatya izolo eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane.

Kubonakele kusaqalwa ukuba kudibene oophopho kulo mdlalo ngoba amaqela omabini asukelene zisuka.

YiMatatiele ezame ukungcangcazelisa umnatha ngomzuzu wesibini nowesine umdlalo uqalile – kodwa iinzame zabadlali bayo zithintelwe nguMyeza Nhlakanipho, unozinti weTornado.

Khange kube kudala emvakoko, uToka Moshoaliba, wafaka igowuli lokuqala leTornado.

Lo mdlali ukhabe imbumbulu yebhola ekude emva kokufumana ibhola entle esizikithini sebala. Khange ityhafe kodwa iMatatiele ngoba ithe gqolo ngokuhlasela – kodwa ingade ikwazi ukuligqoboza udonga lwasemva leTornado FC.

ULandile Zitho ufake igowuli lesibini leTornado kanye phambi kwekhefu.

Into ebethe iMatatiele kwisigaba sokuqala ibekukonzakaliswa komdlali wayo ngunozinti weTornado.

Ifumene igowuli lesithathu iTornado ngepenela emva kwekhefu. Abadlali beMatatiele khange bayeke ukuhlasela, yade yafumana igowuli lobika kwisigaba sesibini somdlalo.

Lithe lakuqonda iqela ebelidlalela ekhaya ukuba lidlala neqela elinamandla – libhenele ekudlaleleni emva injongo ikukukhusela amagowuli walo amathathu. Umdlalo ubuphucuke kakhulu, abadlali bamaqela omabini badlale ngokuzimisela, ingakumbi abeMatatiele ngoba amagowuli afakiweyo khange abatheze amandla.

Umqeqeshi weTornado, uThobani Bikwani, uxelele I’solezwe ukuba wonelisekile emva kokufumana amanqaku amathathu kumdlalo wesibini weqela lakhe.

“Yeah, sidlale kakuhle ngoba lo mdlalo ngowesibini kule sizini. Sineqela elitsha, sisazama ukuhlanganisa eli qela. Besidibene neqela elinobungozi kakhulu,” utshilo umqeqeshi weTornado.

Umqeqeshi weMatatiele naye uye woneliseka yindlela iqela lakhe elidlale ngayo nangona engonelisekanga zizigqibo ezithathwe ngusompempe ngamanye amaxesha. “Umdlalo ubumhle, ububambene kakuhle. Ingxaki yethu ibingusompempe ebesohlwaya oko. Asiyifumenanga ipenela ebekufanelukuba siyifumene. Ndonelisekile ngoba ndineentsuku nje ezimbini ndiliqeqesha eli qela,” utshilo uGabriel Njerengo.

IMatatiele lihambe likhala emva kokwenzakalelwa ngumdlali othe wadinga kuba kungekho inqwelo yezigulane ebaleni. Umdlali weli qela usiwe esiBhedlele ngemoto yeli qela. 

Phambi kokuqala komdlalo yiTornado FC ebekufanele ukuba iqinisekise ubukho bemoto yezigulane namagosa okhuseleko ebaleni – bekungekho nenye kwezo. Imoto yezigulane ifike kwisigaba sesibini – kodwa khange ihlale xesha lide.