Iphumelele enye indebe iNobumba Cricket Club

Abadlali beqela leqakamba iNobumba

INobumba Cricket Club yenze edume ngazo kwakhona kwiqakamba. Eli qela liphumelele iNtabazivumile Tournament kutshanje emva kwenye eliyiphumelele phambi kokuphela kuka’2016.

Le tumente ebixhaswa liSebe lezeMidlalo eMpuma Koloni, yiBoarder Cricket neBuffalo City Municipality – isingathwa unyaka nonyaka kwaye itsala umdla kakhulu wamaqela eqakamba asondeleyo eMzitshane abalelwa phaya kwishumi elinesibini. Isiphathamandla seNobumba Cricket Club, umnumzana Raymond Booi, uchulumance kakhulu emva kokuba iqela lakhe lidlule kumaqela aziwayo kwiqakamba afana neMCC Club, iZinyoka, iQanda, iMdingi, iMzitshane, uNomgwadla, iPiri Sport, iKwelerhana nePeddie Special.

“Itumente ibikwizinga eliphezulu kakhulu – kwaye ibixhaswe lisebe lezeMidlalo noLonwabo kweli phondo lethu, umasipala iBuffalo City, neBoarder Cricket,” utshilo uBooi.

“Impumelelo esiyifumeneyo siyayivuyela kakhulu. Le nto siqale ekupheleni konyaka ophelileyo eMzitshane – apho ziphumelele itumente yokuqala. Eyona nto esigcobisayo ezintliziyweni zethu kukuba italente ikhona futhi iyakhula. Into esiyiboniswe ngabadlali bethu sisimilo esimangalisayo nokuzinikela emdlalweni wabo. Iyasikhuthaza thina lo nto ngamandla,” utshilo uBooi.

Abantu abaninzi abasemidlalweni eMpuma Koloni kuyanyanzeleka bathubeleze ebunzimeni ebuthez’amandla maxa wambi ngenxa yokunqongophala kwamabala nokuswela inkxaso ngokwasezimalini. Nabo abadlali bakaNobumba abohlukanga kwabanye abahamba nzima – kodwa bazixelele ukuba lo nto bazakuyithatha njengento emomelezayo umntu endaweni yokumqoba amandla.

“Yeyiieyona nto isibhokodisayo thina kukwicala leenqwelo zokuthutha iqela. Ukubasa kwiindawo zokudlala kutyabula imali. Kubenzima ke nangapha kwicala lezixhobo zokudlala ngoba izinto ezisetyenziswa kwiqakamba ziyabiza kakhulu. Ngaphakoko asisokoli kwicala labadlali beqakamba ngoba abantwana bethu basoloko bekulangazelela ukudla ngamaxesha onke.