IPirates ivuye ngathi iphumelele iNdebe yeHlabathi, utsho uCijimpi

Umqeqeshi waMaZulu, uPablo Franco Martin, utyhole i’Orlando Pirates ngokungabinanceba emva kokuba abadlali bayo bengayikhabelanga ngaphandle ibhola umdlali wakhe ephantsi. Oku ukuthethe emva kokuba AmaZulu ebethwe yiPirates ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e’Orlando Stadium izolo ebusuku. Kokwesibini AmaZulu efakwa isabhokhwe yiPirates imidlalo ilandelelana. Kwiveki ephelileyo, AmaZulu abethwe ngo’4-2 emdlalweni wenedbank Cup.

Igowuli ephumelele ngalo iPirates lifakwe nguTshegofatso Mabasa emzuzwini wamashumi asixhenxe anesihlanu. Ngelo xesha AmaZulu ebedlala ngabadlali abalishumi ebaleni emva kokukhutshwa ngekhadi elibomvu kuka-Abubakar Mobara kwisiqingatha sokuqala. Kwiveki ephelileyo, uMartin wakhala kakhulu ngomsebenzi ombi woosompempe. Izolo uthe akafuni kuthetha kakhulu nakubeni indlela akhutshwe ngayo uMobara ngusompempe womdlalo ingabonelisanga abantu abe bukele umdlalo izolo.

AmaZulu adlale kakuhle kakhulu. Ngelishwa lawo iPirates iye yafumana ithuba yalisebenzisa kwisigaba sesibini somdlalo. “Namhlanje andinawo umsindo. Ndifuna ukuhleka qha ngoba le ngxaki esikuyo kuyabonakala ukuba ayikazukuphela,” utshilo uCijimpi emva komdlalo kwiSuperSport TV. “Kumandi kum ukumelana neqela elikhulu njengePirates. Namhlanje bavuye ngathi baphumelele iNdebe yeHlabathi emva kokubetha thina. Abadlali bePirates bafake igowuli singaphelela futhi kukho umdlali ophantsi. Yinto eyenzekayo leyo nakula mdlalo weNedbank Cup, utshilo uCijimpi.

“Sayikhupha ibhola thina umdlali wabo ephantsi – kodwa bona abayenzanga lo nto. Ndicinga ukuba umdlalo siwuqale kakuhle kakhulu. Besiyiphethe iPirates macala onke. Amathuba siwafumene – kodwa ke savinjwa yipali igowuli. Kuphinde kwenzeka enye into engakholelekileyo ephinde yanefuthe kwiziphumo zomdlalo. Nangona bekunjalo – kodwa sithi abalawule umdlalo nakwisigaba sesibini somdlalo. Sizamile ukulwa. Akukho nto esingayenza xa sicishilelwa emidlalweni yethu,” utshilo uCijimpi emva komdlalo.