IRichards Bay izibethele iChiefs eziingqongqo kwiDStv Premiership!

Yandise amathuba wayo okuphepha izembe namhlanje iRichards Bay emva kokuphumelela umdlalo obalulekileyo kakhulu. Oku kwenzeke emva kokuba iqela laKwaZulu-Natal libethe iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium emalanga namhlanje. IRichards Bay iye emdlalweni wanamhlanje ifuna into enye jwi: amanqaku amathathu ukuze icuthe umsantsa ophakathi kwayo namaqela angasentla kuyo njengokuba izama ukusuka kwindawo yeshumi elinesihlanu.

Amakhosi awuqale kakuhle umdlalo. Ngawo ahlaseleyo futhi ikwa ngawo nadale amathuba kwisigaba sokuqala. Oyena mntu obe ngumqobo phakathi kweChiefs nempumelelo ngunozinti, uMlungwana, ovale iibhola eziliqela. Akukho nto ecacileyo eyenziwe yiRichards Bay ngaphandle kokudlalela ukungabethwa yiChiefs. Ibibalulekile lo nto kwiBay ngoba ibifuna ukuya inamandla kwiCape Town Spurs esekugqibeleni kwiDStv Premiership. Kwelinye icala, ukubethwa kweBay bekuza kuyinika iSpurs ithemba xa edibana la maqela mabini.

Umdlalo ubumhle nakwisigaba sesibini. Omabini amaqela axheshene kucaca futhi ukuba afuna igowuli anokuphumelela ngalo umdlalo. UMduduzi Shabalala noPule Mmodi ngabona badlali abebethembisa phambi kokungena kukaMfundo Vilakazi ofike wenza umahluko emdlalweni. Emzuzwini wamashumi amathandathu anesine, uSimphiwe Fortune Mcineka ubhakuzelise umnatha ngebhola ayingqube ngentloko isuka ekoneni. Abadlali beChiefs bazunywe nguMcineka ngoba khange bamgade kakuhle phambi kokususwa kwebhola ekoneni.

Iinzame zabadlali beChiefs zokufumana igowuli ziwe phantsi. Abadlali beRichards Bay bavale onke amazubuko balikhusela igowuli labo elinye kwase kwaphela umdlalo. UVusumuzi Vilakazi uvakalise uvuyo lakhe emva komdlalo watsho evakalisa nethemba lokuphepha izembe emva kokuphumelela umdlalo wanamhlanje. Kanti yena uCavin Johnso uvumile ukuba iziphumo zanamhlanje zilibuyisela umva iqela lakhe eliziingqongqo kwiDStv Premiership. Ngoku iChiefs isecicini lokukhatyelwa ngaphandle kwiTop 8 ukuba ayikwazi ukuphumelela emidlalweni elandelayo.