URulani Mokwena uyazingca ngeSundowns yakhe noxa ibethiwe eTunisia

UKhuliso Mudau weMamelodi Sundowns noHoussam Ghacha wayo iEsperance de Tunis emdlalweni weCAF Champions League obuseTunisia izolo. Umfanekiso: ©Mehrez Toujani/BackpagePix

Nangona iMamelodi Sundowns ingakwazanga ukufumana iziphumo ezihle emdlalweni wayizolo – kodwa umqeqeshi wayo wonelisekile ngumsebenzi owenziwe ngabadlali ebaleni. URulani Mokwena ukuvakalise oku emva kokuba iSundowns ibethwe ngegowuli elinye eqandeni yiEsperance Sportive de Tunis emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eStade Olympique Hammadi Agrebi Stadium izolo ebusuku. Bekunzima emdlalweni macala omabini ngoba iqela ngalinye belifuna ukuqokelela elinokufumana emdlalweni wokuqala.

Bekubalulekile ukudlala kakuhle, ngakumbi kwiEsperance ebidlalela ebaleni layo. Emva kwexesha elide kungekho qela elikwazileyo ukufaka igowuli, izinto ziye zajika emzuzwini wamashumi amane ananye kwigaba sokuqala ngethuba uYan Sasse efaka igowuli. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela laseTunisia lifumbene igowuli esandleni. Izamile ukulwa iSundowns ebinamandla emdlalweni – kodwa ngelishwa layo, uPeter Shalulile noLucas Riveiro, abenzanga nto ngoba bebegadwe kakhulu ngabadlali bayo iEsperance.

“Kuba kuseza kudlalwa umlenze wesibini, mandivuyisane nayo iEsperance ephumeleleyo. Ndivuyisane neSundowns edlale kakuhle kakhulu apha. Ndiyazingca ngendlela edlale ngayo,” utshilo uMokwena emva komdlalo. “Ndicinga ukuba silwile futhi sidlale kakuhle nasemva. Sive kabuhlungu sonke xa kufakwa igowuli kuthi liqela elidlala kakuhle kakhulu. Ndikhe ndayibukela iEsperance idlala namaqela afana neClub African, ASEC Mimosa neHilal – kodwa zange ndibone isonganyelwa emdlalweni wayo njengendlela esenze ngayo thina,” utshilo uMokwena emva komdlalo eTunisia.

Khange kube lula kwiqela lasePitoli ngoba lidlale ngaphandle ngomdlali walo ophambili, uTeboho Mokoena. Ebekhe wakhala ngeentlungu emdlalweni obusekuqaleni kweveki – kodwa kwathiwa angadlala emdlalweni wayizolo. Ukungabikho kwakhe kuye kwabonakala ngoba uThemba Zwane khange abenalo ulwamvila ngendlela aziwa ngayo. Ngomhla wamashumi amabini anesithandathu, iSundowns iza kwamkela iEsperance emdlalweni wesibini ePitoli. Kufuneka iphumelele ngo’2-0 iDowns ukuze iye phambili kwiChampions League.