IPolokwane City iquthiswe yiMaritzburg United eze kakubi kwezi ntsuku

Siphesihle Ndlovu of Maritzburg Utd during the Absa Premiership 2017/18 game between AmaZulu and Maritzburg United at King Zwelithini Stadium, Durban on 12 September 2017 © Steve Haag/BackpagePix

Emva kokuqokelela amanqaku
apheleleyo emdlalweni wayizolo ebusuku, ngoku iMaritzburg United ithe ngcu
kwindawo yesithathu kwi-Absa Premier Soccer League. Amakhwenkwe kaFadlu Davids
aquthise
iPolokwane
City
kabuhlungwana ngethuba
eyibetha ngo’2-1 kumdlalo obunzima ngentla yemozulu ebimbi eHarry Gwala
Stadium. Nangoba umqeqeshi weTeam of Choice engafuni iphathwe eyokuba iqela
akhe liphakathi kwamaqela alwela ukuphumelela indebe yePSL kule sizini – kodwa indlela
eliqhuba ngayo iyancumisa kakhulu kwaye linokothusa abantu abaninzi xa kuphela
isizini. Omabini amaqela ebenawo amathuba okuphumelela umdlalo – kodwa ke yona
iPolokwane City ayikwazanga ukusebenzisa awayo
ukuze iphumelele umdlalo, okungenani – igoduke nenqaku elinye emdlalweni
wayizolo.

Amagowuli we-United afakwe nguPogiso
Molekwa kumzuzu wesixhenxe, elesibini lifakwe nguSiphesihle Ndlovu kwisigaba
sesibini somdlalo. Kanti igowuli leRise and Shine lobika ekhaya lifakwe Sulumba.
Ngenxa yobumanzi bebala, umdlalo ube namathuba amaninzi angasetyenziswanga
kakuhle ngamaqela omabini. Kodwa uDavids uxolile apho akhoyo emva kokuba umdlali
wakhe wasemva, uSiyanda Xulu, ephinde wadlala kakuhle emdlalweni wayizolo emva
kokunceda iMaritzburg United ngokufaka igowuli ngethuba ibetha iRoyal Eagles
ngo’2-1 kumdlalo weNedbank Cup kwiveki ephelileyo. UXulu ufumene ithuba
lokuvuselela ikhono lakhe ebholeni ekhatywayo kwiTeam of Choice ekuqaleni kwale
sizini emva kokuvinjwa ithuba lokudlala kwiKaizer Chiefs.

Ukuphumelela kweMaritzburg
United izolo kubeka uxinizelelo kwi-Orlando Pirates neKaizer Chiefs ezizama
ukuleqa iMamelodi Sundowns ebethwa ngumoya phezulu kwiPSL. Nangona iMaritzburg
United iliqela elingaqhubi kakuhle kwicala lokuphumelela iindebe – kodwa ukuba
nethuba lokuqhuba kakuhle kwiindebe ezimbini [ngoku] kunokuyinike amandla
anokuyityhala ilwele ukuphumelela nokuba inye.

 

Maritzburg United: Ofori, Onyango, Xulu, Sanoka , Makaringe, Maboe, Ndlovu, Shandu,
Mekoa, Fillecia, Mokate.

Amalalela: Mpandle,
Thlone, De Reuck, Kunene, Atouba,
McDonald, Twala.

Polokwane City: Chigova,
Semenya, Hlongwane, Tshilo, Manaka, Seabi, Ramagalela, Phiri, Sulumba, Musona, Tlolane.

Amalalela: Ndlovu;
Ravhuhali; Maluleke; Miya; Mngomezulu; Mbonani; Chungwa.