Iqale ngezinga eliphezulu iSuper14 exhaswe ngesigidi nguNkomonye

Emva kwesithuba esisondele eminyakeni emini umbhoxo ungasadlalwa nabantu bengasawubukeli, imidlalo ye-Easten Cape Super 14 Rugby Tournament iqale ngezinga eliphezulu. Oku kwenzeke emva kokuba isebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni elikhokelwa nguNksz. Fezeka Nkomonye libhengeze ukuba liza kuxhasa iSuper 14 ngesigidi serandi (R1-million) kwindibani yokuphehlelela itumente ebibanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo.

Yiminyaka elishumi elinanye ikhona le tumente yombhoxo kwaye yeyona inkulu eMpuma Koloni esele ivelise abadlali abaziqaqambise kumaqela amakhulu ombhoxo eMzantsi Afrika. Amaqela athatha inxaxheba kwiSuper 14 aquka iNcerha Leopards, iBlack Eagles, iAfrican Bombers, iYoung Leopards namanye amaninzi. Nangona iKhorona iphazamise iminyaka emibini yonke – kodwa isebe lithe lifumene ithuba elihle lokwenza amalungiselelo okuxhasa uphuhliso lombhoxo.

“Ngenxa yeKhorona, ukhuphiswano khange lubekho. Siyafuna ukuqinisekisa ukuba sikulungele ukusingatha iSuper 14 Rugby Tournament yalo unyaka kwaye siza kuyilandela imiqathango yeKhorona. Ibalulekile kuthi le tumente ngoba yeyona ndlela esiqinisekisa ngayo uphuhliso lombhoxo othi uvelise abadlali abanokudlalela iEastern Province neBorder Bulldogs. Sinabantu abaphume kwiSuper 14 abafana noMakazole Mapimpi. Siyavuya abantwana baza kufumana amathuba ngenxa yeetumente ezifana nale.

Okunye okusivuyisayo ngetumente kukuba iza kulumisa uqoqosho nanjengoko kuza kubakho ukuhambelana kwamaqela ngokwahlukana kwawo,” utshilo uNkomonye. Evekini yokuqala, iPark ibethe iYoung Leapards ngo’33-17, iHarlequins ivuthulule iBreakers ngo’57-5, iNcerha ibethe iBlack Eagles ngo’3-0, iEast London Police ibethe Kruinsfontein ngo’17-15, iGardens ibethe iTrying Stars ngo’21-19 yona iOld Selbornians yothuse iAfrican Bombers ngo’47-0.

Imidlalo yempelaveki:

Mgqibelo: Young Leopards vs Progress, Breakers vs Park, Black Eagles vs Harlequins.