Iqela lesizwe lomnyazi

kwindebe yehlabathi

Iqela lomnyazi leli le-Spar Netball Proteas lenzelwe itheko lokuthi ndlela ntle kubo njengokuba bejongise imibombo kwindebe yehlabathi.

Indebe yehlabathi izakudlalelwa eSydney ukusuka kumhla wesixhenkxe ukuya koweshumi elinesithandathu ka-Agasti, kwaye umbutho we-Netball South Africa kunye nabaxhasi beqela ivenkile yakwa Spar baye benza idinala yokuthi ndlelantle kwaba badlali babiza kwakunye neentsapho zabo. Umphathiswa wezemidlalo inkcubeko nolonwabo, eRhawutini uMolebatsi Bopage ebenikeza intetho ephambili.

UBopage uthe umpathiswa wezemidlalo uFikile Mbalula kunye nesekela lakhe, uGert Oosthuizen bamcelile ukuba agqithise umyalezo wethemba kweli qela.

“Umphathiswa kwakunye nesekela lakhe bebengathanda ukuba bebe yinxalenye yethu ngobu busuku banamhlanje, kodwa ke bebebambeke yimibhiyozo yosuku luka- Madiba ebekufuneka beye kuyo kuzwe lonke. Kum into yokuba sithi ndlela ntle kuni kanye ngolu suku lokuzalwa kuka Madiba, yinto edibanayo ukuba iqela elikulo mgangatho wenu libhiyozele ibhola yomnyazi kanye ngel ithuba sibhiyozela iqhawe elayibeka yacaca ukuba ezemidlalo zidlala indima enkulu ekumanyeni ilizwe.

Ikapteni yeli qela yase- Austria nesandula konyulwa uNorma Plummer uye wathumela umyalezo wakhe nothe wabhengezwa kubantu abaeekhona kuba yena engakhange akwazi ukuzimasa lo msitho. UPlummer uthe uziva ewongeke kakhulu ngokwenyulwa njengekapteni yeqela lesizwe lalapha ekhaya, “Sinabadlali abadlala kakhulu kweli qela kwaye balambele ukufunda nokuza neziphumo, ndingathanda ukubulela * -Netball South Africa ngoku- ndinika eli wonga lokuqeqesha,” utshilo uPlummer.

Eli qela sele lintingele eNew Zealand nalapho lizakudlala umdlalo wokuzivavanya kunye nee-Silver Ferns zase New Zealand. Emva koko bazakuhlala kwela cala kunye nomqeqeshi uPlummer balungiselele indebe yehlabathi.