Isalinkonyile iSafa igama lomqeqeshi weBafana Bafana

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSafa, ithembise ngokubhengeza igama lomqeqeshi omtsha weBafana Bafana kule veki.

Iveki iyakekela ngoku – kodwa akukacaci nokuba isibhengezo singenziwa na emva kweengxelo ezibetha bethanayo ngeyona ndoda ekucingeleka ukuba ingangena kwesi sikhundla sitshisayo.

IBafana Bafana ayikabinaye umqeqeshi emva kokugxothwa kukaShakes Mashaba phambi kweKlismesi yonyaka ophelileyo. Wafunyanwa enetyala emva kokutyholwa ngokugibisela amazwi arhabaxa kwiinkokeli zeSafa nokophula umthetho weSafa. NguCarlos Queiroz noHerve Renard amadoda ekuthethwa ngawo.

Ingxelo yesikhululo esiseGoli, uQueiroz ubanjwe yi-Iran Football Association engafuni ukumkhulula nangona wababhalela incwadi ecela ukukhululeka.

Lo nto ithi lingamphosa ithuba lokuqeqesha uMzantsi Afrika nakubeni engoyena othandwa ngumongameli weSafa – uDanny Jordaan. UQueiroz waqeqesha iBafana Bafana ngo’2000 ukuya ku’2002. kwisivumelwano sakhe ne-Iran kunesolotya elithi kufuneka athengwe ngemali ethile ukuze akhululeke xa efuna ukuhamba. Akubonakali ngathi ingayikhupha lo mali iSafa.

“Andikwazi ukuphuncuka kwisivumelwano sam ne-Iran, ukuba iyandithemba iSafa – ingenzeka ngelinye ixesha lo nto,” utshilo uQueiroz.

Kanti nakwicala likaRenard, akukacaci nto emva kokuba umanejala wakhe, uYousseff Haijoub, exelele i702 ukuba iSafa ayikathethi nabo ngengqesho. Ngoyena ngoku onethuba lokufumana esi sikhundla. UJordaan uyinxalenye ye-Under-20 Afcon, lo nto ingabangela kubekho ulibaziseko.

“Sizakuyisonga inkqubo yokuchonga umqeqeshi kwamsinyane. Umqeqeshi sizakubanaye – qha izinto zibanzima ngoba wonke umntu ufuna ukuzibandakanya kuquka namajelo endaba,” utshilo uJordaan kwiSuperSport.