Isathe cwaka iFifa ngosompempe owacinezela uMzantsi Afrika

UMnu. Ace Ngcobo, uDr Danny Jordaan noAdv Tebogo Motlanthe entlanganisweni yabeendaba eGoli. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Sekuqengqeleke iiveki ezimbini zonke abalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika bejonge enkalweni. Unobangela woko yiFifa ethe cwaka ngesikhalazo esafakwa ngumbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSafa, emva kokubethwa kwaBafana Bafana yiGhana ngendlela ekhwinisayo. Emdlalweni obukwinyanga ephelileyo, iGhana yanikwa ipenela engacacanga kakuhle ngusompempe waseSenegal ogama linguN’Diaye Maguette yatsho yaphumelela umdlalo ohlahl’ indlela eya kwitumente yehlabathi kunyaka ozayo eQatar ngegowuli elinye eqandeni. Abaphathi beSafa bafaka isikhalazo kwiCAF nakwiFifa ngelivakalisa ukungonwabi kwabo yindlela usompempe awawuphatha ngayo umdlalo kwa ngomhla womdlalo.

Batyhola ngelithi izigqibo ezathathwa nguMaguette emdlalweni zabanefuthe kwiziphumo zomdlalo, nto leyo engafanelekanga ngokomthetho weFifa olawula ibhola ekhatywayo nokusebenza koosompempe. Ngelizama ukuqinisa ubungqina besikhalo sayo, iSafa yacela uMnu. Ace Ncobo ukuba aqokelele iinkcukacha ezibonisa iziphene zikasompempe ngomhla womdlalo. Kwiveki ephelileyo, iFifa ingqinile ukuba isifumene isikhalazo seSafa yatsho isithi iza kwenza uphando olunzulu. Amalungu wekomiti echophela izikhalazo aye adibana ngoLwesibini weveki ephelileyo. Kodwa abalawula ibhola eMzantsi Afrika baye bathumela ezinye iinkcukacha ezixhasa ibango labo. Kanti ngempelaveki egqithileyo, amaphephandaba aveze into ethi kukho umntu waseGhana owahlangana nosompempe phambi komdlalo.

Kunokwenzeka ukuba iFifa iqwalasela ubunyani bezinto ezinjalo nangona abantu baseMzantsi Afrika bengxamele ukuva isigqibo sayo ngokuphiwa kweGhana umdlalo ngusompempe okwentonga yomnquma. “Impazamo esiyenzileyo thina apha eMzantsi Afrika kukucinga ukuba iFifa iza kbhengeza isigqibo kwiveki ephelileyo. Yayithe iza kuchophela umba ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeNkanga. Zininzi izinto eziphambi kweFifa. Kukho ulwazi esilinikwe eGhana esilugqithisileyo. Sisalindile kwaye asifuni ukubeka iFifa phantsi koxinezelelo. Sicela abantu babe nomonde,” utshilo uTebogo Motlanthe ethetha nephephandaba laseGoli.