Isebe likhumbula uTambo ngemidlalo eMbizana

UMphathiswa wezeMidlalo uFezeka Bayeni exhagwe zizigantsontso zoosozoso ngethuba ebhengeza izicwangciso zesebe lakhe eMonti kwiveki ephelileyo Umfanekiso: Pedro Mapelo/ANA

Le nyanga ibekelwe bucala njengenyanga ekuza kuthi kubhiyozelwe ngayo ubomi begqala lomzabalazo uO.R.Tambo.

Isibhengezo senziwe nguMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo kwiphondo leMpuma Koloni, uFezeka Bayeni, kwintlanganiso yesebe lakhe neentatheli ebibanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo.

Kwakuloo ntlanganiso, bekukho kuyo noKhaya Majeke weKM Sport Promotions. Umphathiswa uthe isebe lakhe liququzelela itumente enkulu eza kubanjelwa eMbizana – apho kulindeleke kubekho ukhuphiswano loosozoso (bodybuilding) eliza kutsala oosozoso abaphuma nakwezinye iindawo.

UTambo yinzalelwane yaseNkantolo, eMbizana, eyalibona ilanga ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeDwarha ngo1917.

Itumente yoosozoso kulindeleke itshayelelwe lugqatso lweembaleki olungumgama ongamashumi amane anesibini eekhilomitha (42km) aza kuthatha inxaxheba kulo noMphathiswa uBayeni.

“UTambo wayengumntu owayeyithanda kakhulu imidlalo. Wayengumdlali wemidlalo efana neqakamba, intenetya nebhola ekhatywayo esengumfundi esikolweni saseSt Peters Secondary School eGoli,” utshilo uMphathiswa. Kwangaxeshanye, uBayeni uvakalise uvuyo lwakhe ngentsebenziswano ephakathi kwesebe lakhe neKM Sport ephethwe nguKhaya Majeke.

“Silisebe sibambisene neKM Sport njengokuba siza kusingatha itumente yoosozoso eMbizana. Ekuseni ngomhla we26 kweyeDwarha, ndiza kuzixuba iimbaleki eziza kuthatha inxaxheba kuMzila kaTambo Marathon. Imbaleki nganye ephumeleleyo iza kuzuza amashumi amabini anesihlanu amawaka eerandi (R25 000),” utshilo uMphathiswa.

UMajeke uxelele iintatheli okokuba ngaphandle kwabalapha ephondweni, kukho oosozoso abaza kusuka kumazwe afana neMozambique naseSwatini. Kusoloko kukho isimbonono ngendlela ekuxhaswa ngayo oosozoso eMpuma Koloni ngenxa yokwahlukana kwemibutho abaphantsi kwayo.

“Ukumanyana kwabantu emidlalweni kubalulekile. Ukuba sendaweni enye kokona kulungileyo ngokuba iiyantlukwano zabo zenza kube nzima kakhulu ukusebenza nabo,” utshilo uMphathiswa owongeze ngelithi abantu banalo ilungelo lokuzikhethela imibutho kodwa kuba lula kwisebe ukufaka inkxaso apho kuxhamla abantu abaninzi.

UMajeke yena ukhuthaze abantu ukuba bangene emibuthweni ecacileyo enokuthi xa ithe yanikwa inkxaso ngurhulumente ikwazi ukuyicacisa indlela esebenze ngayo.