Isecicini lokubuyela ekhaya kwangoko iBanyana Banyana

Grace Ngock Yango weCameroon noLinda Motlhalo weSouth Africa kwiWomen Africa Cup of Nations. Umfanekiso: BackpagePix

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika, iBanyana Banyana, libethwe ngo’1-0 yiCameroon kumdlalo wesibini weWomen’s Afrika Cup of Nation, e-Ahmadou Ahidjo Stadium, namhlanje ebusuku. 

Ukubethwa koMzantsi Afrika kule tumente kulandela ukudlala ntanganye ngeqanda neZimbabwe kumdlalo wokuqala. Lo nto icutha amathuba weBanyana Banyana wokudlulela kumjikelo wesibini wolu khuphiswano. Igowuli leCameroon lifakwe nguNgo Mbeleck kushuyeke imizuzu esixhenxe kuphele umdlalo. 

Emva komdlalo umqeqeshi obambeleyo woMzantsi Afrika, uDesiree Ellis, uthethe wenjenje kumajelo eendaba: “Ndicinga ukuba sidlale kakuhle – qha ke ezi zinto zenzeka ebholeni. Umzuzu onye uyakwazi ukuyitshintsha inyaniso yomdlalo. Lona igoli eli lingeneyo kufuneka ke silijonge. Nangona kunjalo sisenomdlalo ekufuneka siwulungiselele.”

Umdlalo wesithathu ingangowokugqibela weBanyana njengokuba izakudlala ne-Egypt ngoLwesihlanu eLimbe Omnisports Stadium ngentsimbi yesihlanu emalanga.


Banyana: Dlamini, Smeda, Van Wyk(c), Mbane, Vilakazi, Nyandeni, Makhabane, Seoposenwe, Kgatlana, Motlhalo, Mcgoyi.

Cameroon: Ndom, Manie, Nchout, Aboudi, Feudjio, Ngono, Ngock, Awona, Meffoumetou, Sonkeng, Enganamouit.