ISharks zamkela iKings kwiSuper Rugby

Iqela laseThekwini lombhoxo, iSharks, kufuneka liqinise umqolo ngakumbi xa zidibana neqela elingxwelerhekileyo iKings kumdlalo weSuper Rugby namhlanje emalanga. Lo mdlalo kulindeleke ukuba utsale inkitha yamabalandeli bombhoxo ngoba omabini la maqela ayakube engafuni nanye into ngaphandle kwempumelelo. Emva kokuphoswa ngamanqaku ebhonasi kumdlalo neWaratahs, nakanjani kulo umdlalo, iSharks izakuzamela ukuwafumana xa idibana etshatshalazeni neKings.

Ukufumana kweSharks la manqaku ebhonasi kubalulekile ngoba angayityhala kakhulu phambi kokudibana neCheetahs neLions kwimdlalo ebalulekileyo ezayo. Indlela abazakuthi bachongwe ngayo abadlali abazakuqala umdlalo ubalulekile kwiSharks ngenxa yemidlalo emibini ebalulekileyo ezayo – izakudibana neJaguares kwaseThekwini. Nangona kunjalo, iSharks ineqela labadlali abakulungeleyo ukuqubisana neKings kumdlalo wanamhlanje ngaphandle kukaPatrick Lambie, uPhilip van der Walt, uClement Pointrenaud noLwazi Mvovo abonzakeleyo.

Ukungabikho kwaba badlali kulindeleke kunike amathuba okuziqaqambisa abadlali abafana noBenhard Janse van Rensburg, u-Inny Radebe noGarth April. Omnye ongazukubakho kulo mdlalo nguDaniel du Preez ozakuhlala ngaphandle kokudlala umbhoxo iinyanga ezintathu ngenxa yokonzakala. “Ndonwabile ngoba sineqela eliwulungeleyo lo mdlalo,” utshilo uDu Preez ongumqeqeshi weSharks.

“Phambi kokuqala kwale isizini nditshilo ukuba amandla wokumelana nemidlalo engamashumi amabini anesithathu axhomekeke kumalungiselelo enziwa ngabadlali esinabo enkampini. Ndatsho ukuba abadlali bazakuwafumana amathuba okudlala iveki neveki. Sineqela labadlali abaphaya kumashumi amane anesihlanu abasebenza ngokuzimisela kakhulu. Lo nto iyingxaki ke kuthi – kodwa sinethemba lokuba iSaru iyakuba nokhuphiswano oluzakuhambelana neSuper Rugby le,” utshilo uDu Preez.

Kuyanyanzeleka iKings zibhinqe omfutshane kulo mdlalo futhi ziphumelele emva kokubethwa kwazo kwiveki ephelileyo.