“Isibilisile kakhulu iMaritzburg United”

Percy Tau of Mamelodi Sundowns tackled by Siyanda Xulu of Maritzburg United during the Absa Premiership 2017/18 football match between Mamelodi Sundowns and Maritzburg United at Loftus Stadium, Pretoria on 13 December 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePixGv

Amasandawana
ahleli phezulu kwiPremier Soccer League emva kokuqokelela amanqaku amathathu
kumdlalo wayizolo. IMamelodi Sundowns ibethe iMaritzburg United ngo’1-0
kumdlalo obunzima eLoftus Versfeld Stadium. Ngumdlalo lo obubambene, izinto
zijike ngethuba uPercy Tau efaka igowuli kwisiqingatha sesibini ebunzimeni.
Impumelelo yayizolo ithathe iSundowns yayibeka phazulu kwiPSL – apho ivule
umsantsa wamanqaku amahlanu.

Emva
kweSundowns kukho i-Orlando Pirates neKaizer Chiefs – kodwa yona (iDowns)
inemidlalo emibini engayidlali. Umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane, uvumile
okokuba umdlalo bawuphumelele nzima. “Onjani wona umdlalo! Ubunzima lo mdlalo,
kwenzeke into ebesiyilindele kwiMaritzburg ngoba iliqela elidlala kakuhle
kakhulu. UFadlu Davids wenza umsebenzi oncomekayo kakhulu,” utshilo uPitso emva
komdlalo.

“Isibilisile
kakhulu iMaritzburg United. Kuye kwanyanzeleka kusebenze amava ukuze
siphumelele. Abadlali bayo (iMaritzburg) banamendu kakhulu, ingakumbi uNdlovu –
uhamba yedwa. Usoloko ekhangela isithuba sokungena kubadlali basemva – kodwa ke
amava asincedile. Ndiyamvuyela uTau ofake igowuli. Benditshilo kuye ukuba
makasebenzise icala lasekhohlo,” utshilo uPitso.