Isibuyisile isidima sayo iWalter Sisulu All Blacks!

IWalter Sisulu All Blacks ngethuba zixikixana neWestern Cape University kumdlalo obunzima weVarsity Shield. Umfanekiso: Facebook

Iqokelele amanqaku amahlanu iWSU All Blacks kumdlalo wayo wesibini weVarsity Shield. Amakhwenkwe kaSipho Metula atywatyushe kanobomi iRhodes University ngo’47-16. Eli qela lingene liphantsi konxinizelelo olumandla kulo mdlalo emva kokuba laswantsuliswa yiWestern Cape University kumdlalo wokuvula le tumente. IFolosi yeWSU All Blacks, uMaliviwe Simanga, uyicacise kwimizuzu elishumi yokuqala ukuba lilambele impumelelo eli qela xeshikweni erhuqa amadoda weRhodes amabini eyolala nawo emgceni.

Uphinde wabeka zambini emgceni oka imanga kwisiqingatha sokuqala, encediswa  nguPholman Beauton nobeke yanye wabe  ezifaka zonke uLithule Sinegugu iipenela eqinisekisa ukuba baya ekhefini bekhokela ngo’29-0.

Uwe emgceni okwesine uSimanga ekuqaleni kwesiqingatha sesibini. Azamile ukuzilwela amandwendwe elala emgceni kabini – kodwa iphinde yaqinisekisa iWSU All Blacks ukuba iyawuphumelela lo mdlalo ngokuphinda ilale emgceni kathathu. Umqeqeshi weliqela uSipho Metula uthi imchulumise kakhulu indlela adlale ngayo amakhwenkwe akhe kulomdlalo.

“Ndichulumance kakhulu yindlela abadlale ngayo namhlanje oonyana,” utshilo eMetula nobencume eveze nelokugqibela luvuyo. Umdlali ubalaseleyo wosuku, uMaliviwe Simanga, ukholelwa ukuba ukusebenza nzima kuko okubaphathele iziphumo ezihle: “Sisebenza nzima kakhulu; yaye sizimisele ukuyiphumelela iVarsity Shield”.