UDesiree Ellis uchulumanciswe sisikhundla sakhe esitsha

Nozipho Mbatha of SASOL, Desiree Ellis coach of South Africa , Dr Danny Jordan SAFA President and Janine Van Wyk of South Africa during the SAFA Press Conference on 22 February 2018 at SAFA House Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

“Ukuqeqesha iBanyana
Banyana yayisoloko iliphupha lam, ngoku lide lafezekiswa elo phupha lam nyhani,”
lawo ngamazwi kaDesree Ellis ochongwe yiSouthe African Football Association
(Safa) njengomqeqeshi omtsha weqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola
ekhatywayo. Lo ka-Ellis ebekade esebenza njengebambela mqeqeshi ukusukela
kunyaka ongaphaya kophelileyo (2016) emva kokuhamba kukaVera Pauw waseHolland. Emva
kokuqala inkqubo yokukhangela umqeqeshi omtsha kunyaka ophelileyo, iSafa ide
yanika uxanduva u-Ellis oye wazibonakalisa ukuba ungumqeqeshi ovutshiweyo emva
kokuphumelela iCosafa Cup kunyaka ophelileyo. Phambi kokuchongwa kwakhe uDesree
Ellis, bekukho abantu abathe akasilungelanga esi sikhundla kuba becinga ukuba
akakaqokeleli amava oneleyo okumelana neqela.

Into esemqoka ngoku
uDesree Ellis ekufuneka ayenze kukuqinisekisa ukuba iBanyana Banyana iya
kwi-Africa Cup of Nations ezakube isengethwe lilizwe laseGhana kulo nyaka,
imidlalo ye-Olimpiki ezakube iseTokyo kwisithuba seminyaka emibini ezayo
aphinde aqinisekise ukuba iqela lizibekela indawo kwindebe yehlabathi ezakube
iseFrance ngo-2019. “Andikayikholelwa, ayikangeni kakuhle le nto apha kum.
Ukuqeqesha iBanyana Banyana yayisoloko iliphupha lam – akukho nto inkulu
eyodlula le ebomini bam. Ukusebenza njengebambela mqeqeshi ukusukela ngo-2016
kundincedisile kulo msebenzi wokufunqula ibhola yamanenekazi,” utshilo u-Ellis
obencume olukaBhulankethe.

UDesree Ellis lo
ngomnye womakadenetha kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika kwaye wazenzeka igama
kwiBanyana Banyana ngentsuku zakhe zokudlala ibhola – kodwa kufuneka abhinqe
omfutshane ngoku ngoba lo nyaka uxakekile kakhulu. “Uzakuxakeka kakhulu lo
nyaka, kukho neCyprus Cup esilindeleyo esincwase ukuyisebenzisa njengethuba
lokulungiselela imidlalo ye-Afcon neWorld Cup. Siqinisekile ngeke sibaphoxe
abantu ngoba sineqela eliluqilima. Saya kwimidlalo ye-Olimpiki – apho safunda
kakhulu izinto ezithile esingafuni kuziphinda kwakhona,” utshilo u-Ellis.