UMasualle ucela umngeni kwabamthandabuzayo

Inkulumbuso uMasualle ebudideka ngumbuzo wentatheli eBhisho

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ucele umngeni kuye nabani na “othandabuza umxakatho” wakhe njengenkokeli karhulumente wephondo, esithi kufuneka azibhence lo mntu lowo.

Lo kaMasualle ukuthethe oku emva kokubuzwa ziintatheli malunga namahumhum athe ndii okuba angakhwetywa (ukugxothwa) yiANC kwisikhundla sakhe, kwinto echazwa njengokusilela kwakhe ekusebenzisaneni nesigqeba seANC yephondo ekhokelwa nguOscar Mabuyane.

Namhlanje, uMasualle wenze intetho yobume bephondo eBhisho eyiqhobosha ngelithi ukhona umqela wezophuhliso owenziwe sisigqeba sakhe ukusukela ukungena kwabo e-ofisini ngo2014 “noxa nje uqoqosho lwephondo lungekho kwizinga ebesilinqwenela”.

INkulumbuso uMasualle esenza intetho yakhe yoBume bePhondo eBhisho

Ukusukela ngonyaka ka2014, uMasualle akazange ayitshintshe ikhabhinethi. “Liqela (khabhinethi) eliluqilima eli, kodwa ke ndiyayazi ukuba abazozimakade,” utshilo uMasualle.

“Siyaqhuba, futhi asipheli mandla. Akukho namnye ofanele ukundithandabuza; ukundijonga nje kufanele wonele kwelokuba ndiyazivonyavonya (ukuzilolonga),” utshilo uMasualle, ehleka.

Ethetha ngephulo iMasiphathisane elikhe lasemilebeni yoluntu ngenxa yentengiso ebisenziwa kunomathotholo ngulo kaMasualle ethi “simanxadanxada” uMasualle uvumile ukuba iMasiphathisane ayihambanga ngokwezicwangciso ebihlelelwe zona.

“Umnqweno wethu yayikuba sibeneWar Room (indlu yokumamela iingxaki zabantu) kwiWadi nganye kweli phondo, kodwa ayenzekanga lo nto. Unobangela, phakathi kwezinye izinto, kukuba kuye kwangenelela ezopolitiko kule nkqubo,” utshilo uMasualle, esaleka ngelithi izakujongwa ngokokutsha inkqubo kaMasiphathisane.

Ukuza kuthi ga ngoku sele iziWar Rooms ezikumakhulu amahlanu aneshumi (510) ezithe zamiliselwa phantsi kwephulo iMasiphathisane. 

KwiLekgotla ebibanjelwe e-ICC eMonti kutshanje, kwavela inkxalabo ngoMasiphathisane, iphulo elasekwa nguMasualle ngeenjongo zokukhuthaza ukusebenzisana phakathi koluntu norhulumente.

Kunyaka ophelileyo, iKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu wavakalisa ukuba iinkokeli zemveli azizange zaziswa ngephulo likaMasiphathisane.