Isigwili sakwaMotsepe sithenge izabelo kwiqela lombhoxo lasePitoli

Blue Bulls/Twitter

Usomashishi
owaziwayo, uMnumzana uPatrice Motsepe, uthenge izabelo kwiqela lombhoxo
eliphambili lasePitoli ekuthiwa yiBlue Bulls. Isibhengezo senziwa izolo
emalanga emva kokusongwa kweengxoxo ebusuku ngoLwesine. Kwinyanga ephelileyo,
kuye kwathi gqi iindaba ezithi isigwili sakwaMotsepe, esingumnikazi we-African
Rainbow Capital sidibene nenkampani yakwaRemgro Ltd kaJohann Rupert, saqala
iingxoxo ezimalunga nokuthenga izabelo kwiBlue Bulls Union (BBRU). Phambi
kokungena kukaMotsepe, iBlue Bulls ibinabanikazi bezabelo ababini abakhulu:
uRemgro neBlue Bulls Co. Ngoku uMotsepe unezabelo ezi-37.45% nayo iRemgro
ine-37.45%. Ngaphambili, uRemgro ebenezabelo ezininzi kwiBlue Bulls. Nangona
uMotsepe esenza utyalo-mali okokuqala embhoxweni – kodwa yena waziwa kakhulu
kwezemidlalo ukusukela oko wathenga iMamelodi Sundowns eyajike yaziintshatsheli
zezwekazi le-Afrika lonke.

“Sisebenze
ngokukhulu ukubambisana kwezi nyanga zigqithileyo ukuze yenzeke le nto.
Ndinovuyo namhlanje ukwazisa okokuba amalungu wekomiti asamkele isiphakamiso
sokuthengwa kwezabelo esenziweyo. Ndiqinisekile okokuba abatyali-mali baza
kuthi maliphucule iqela. Akuzuxhamla iqela eli lidlala kwinqanaba eliphezulu kuphela
– kwakubakho iinguqu ezibonakalayo nakwicala lophuhliso. Siyakuvuyela ukuba
neqabane elifana noMotsepe,” utshilo uWillem Stauss, umongameli weBlue Bulls
Rugby Union. “Intle kakhulu into eyenzekileyo ngoba kuza kuxhamla nomdlalo
wombhoxo ngokubanzi. Njengokuba uMnu. Motsepe ekwangumnikazi weSundowns,
sinethemba lokuba iTshwane iza kuba yindawo yezemidlalo ephala phambili,”
itshilo ingqonyela yeBulls, u-Alfonso Meyer. UMotsepe ukwangumxhasi omkhulu
we-ABC Motsepe League edlalwa kumaphondo olithoba eli lizwe phantsi kweSouth
African Football Association. Kanti kukho nemidlalo yezikolo ekuthiwa yiKay
Motsepe Games exhaswa kwa nguye.