Isikolo saseQonce sigqugqise yonke iMpuma Koloni!

Abafundi besikolo saseQonce, iWestbank Senior Secondary School, emva kokuphumelela ukhuphiswano lengxoxo ngokubaluleka kobunzululwazi nobuchwephesha eMthatha. Umfanekiso: Uthunyelwe

Konwatyiwe
esikolweni saseQonce emva kokuba sigqugqise kukhuphiswano labantwana bezikolo
obe lungengxoxo ngezobunzululwazi, uqoqosho nefuthe lobuchwephesha kushishino
eMthatha. Isikolo esiphume phambili kukhuphiswano lukaSafta noNRF ibe
yiWestbank Senior Secondary School – ebimelwe ngabafundi abahlanu abafana
noNosipho Scritch, u-Uviwe Mahobe, u-Olwethu Ngolotyi, uMnandisi Phalele noBomi
Gxothani. Yonke into iqale eFort
Hare
University
– apho
bekubekelwe bucala iveki yonke kushukuxwa imiba engezobunzululwazi ngabantwana
bezikolo, abantu nemibutho echaphazelekayo. Kukulo nkqubo yocweyo apho
batyhilelwe kakuhle khona abantwana ngokulindelekileyo kubo
kwiingxoxo-mpikiswano. Umqeqeshi wabo okwanguTitshalakazi, uNksz. Anovuyo Kiva,
uvuye kakhulu emva kokuphumelela kwesikolo sakhe.

Ibe yinto
enkulu eyokuphumelela kweWestbank S.S.S. ebantwaneni ngoba babethe izikolo
ezaziwayo – kwaye ngabo aza kumela iMpuma Koloni kwitumente kazwelonke.
“Kundivuyise kakhulu ukuphumelela kwabo. Ukumela iMpuma Koloni yinto enkulu kakhulu
kubo. Siye sizilungiselele kakuhle ngoba phambi kokuya kwitumente, uqale unikwe
umsebenzi ekufuneka wenze uphando ngawo. Isincedile lo nto,” itshilo uNksz Kiva
encokola neli phephandaba. Omnye wabafundi abathathe inxaxheba kukhuphiswani
nguMnandisi Phalele ovakalise uchulumanco olukhulu encokweni neli phephandaba
emva kokubetha izikolo ezoyikwayo. “Sonwabe kakhulu emva kokuphumelela kwethu
ukhuphiswano ngoba besingenalo ithemba lokuba singaze sikhethwe thina kukho
izikolo ezakhe zenza ngcono kunathi. Besingakholelwa emva kokuphumelela kwethu
– kodwa ke ngenceba kaYehova, sithi abakhethiweyo,” utshilo uMnandisi.

Ngoku
iWestbank ilungiselela ukuya kukhuphiswano oluza kube luseGoli ngomhla
wamashumi amabini anesine kule nyanga. UMnandisi uchubele I’solezwe lesiXhosa
ngokufutshane ezinye zezinto abazishukuxileyo eMthatha. 
“Eyona
besithetha ngayo phaya, umzekelo, yindlela amayeza afumaneka kwiindawo zabantu
anokuphuhliswa ngayo kusetyenziswa ubuchwephesha bale mihla ukuze kwakhiwe
uqoqosho. Isikolo sam besithetha ngendlela ekunokwakhiwa ngayo uqoqosho nefuthe
lobuchephesha entlalweni yoluntu,” utshilo uMnandisi.