Inkampani yakwaPuma ityikitye isivumelwano eside neentshatsheli zePremier Soccer League, iMamelodi Sundowns, esiqale ngomhla wokuqala kule nyanga.
Obu budlelwane bobona bakhe babukhulu obudibanisa impahla yokudlala, kwinkampani yakwaPUMA eMzantsi Afrika neMamelodi Sundowns ezimbalini. Imbali yeSundowns kunye nabalandeli bayo abanyanisekileyo kuyo inika iPUMA iqonga lokuba ibonise ngezinto zayo ezifana nempahla nobuxhakaxhaka obutsha.
“IMamelodi Sundowns iyavuya kukuba isebenzisana nenkampani ehamba phambili kwihlabathi kwicala lokuxhasa. Obu budlelwane bubonakalisa isiqalo sekhasi elitsha kwimbali yeMamelodi Sundowns.
Impumelelo yethu yendebe yesixhenxe yePremier Soccer League, ngamanqaku angamashumi asixhenxe ananye ibonakalisa isiqalo ezitsha. Ukusebenzisana nePUMA kwiinzame zethu, sisiqalo esitsha eso,” utshilo uSizwe Nzimande.
Ukwangeza ekuveliseni impahla yokudlala nokuziqeqesha yamaqela onke eMamelodi Sundowns, iPUMA ifumene amalungelo okuba ize nenye impahla enophawu lweSundowns.
UBrett Bellinger umlawuli weentengiso kwinkampani yePUMA eMzantsi Afrika uthe: “iPUMA inemincili ngokusebenzisana neMamelodi Sundowns ngokwenza impahla yayo yokudlala. Sele kudlule iminyaka engamashumi amabini anesithathu oko sagqibelisa ukusebenzisana neli qela, sinethemba lokuliqhubela phambili. Njengokuba sasenzile xa eli qela laliphumelela indebe ngo-1993.”
ISundowns izakuqala kwisizini ezayo inxibe impahla entsha yakwaPUMA.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi