ITexus ziintshatsheli ezivunyiweyo eMdantsane!

ITexas ephumelele itumente yebhola ekhatywayo eMdantsane

Nangona iveki ephelileyo ibi yeyokuphumla kwabanye abantu – kodwa iinkokeli zoMdantsane Local Football Association bezixakekiswe luphuhliso lwabadlali abasakhasayo.

Amaqela ebhola ekhatywayo anabadlali abadala ababalelwa kumashumi amane akhuphisene kwitumente ebiququzelelwe ngulo mbutho olawula ibhola eMdantsane.

Le tumente ebixhaswa yiBuffalo City Municipality, ibiquka nehlokondiba lamaqela abadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithathu, ishumi elinesihlanu neshumi elinesixhenxe.

Owona mdlalo obujongwe kakhulu ubuphakathi kweGreen Lovers neTexus.

La maqela mabini athe azibonakalisa kule tumente ukuba ngawona anamandla kwibhola yaseMdantsane. Ngaphezulu kwazo zonke izinto ezenzekileyo kule tumente kukuba abadlali beelokishi ngokwahlukana kwazo bafumene ithuba lokuzivavanya nokuqaqambisa izakhono zabo.

Umdlalo wamagqibela kankqoyi ubumhle futhi abadlali bamaqela omabini badlale ngokuzimisela. ITexus ibonisile ukuba ifuna ukuphumelela zisuka ngokuthi ifake amagowuli amabini kwisiqingatha sokuqala emdlalweni.

Loo magowuli anike iTexus ithemba lokugoduka nendebe. Amagowuli alandele emva komdlalo omhle odlalwe ziziquququ zeTexus phantse sonke isiqingatha sokuqala.

Emva kokufumana iingcebiso ngexesha lokuphumla, iGreen Lovers ibuye ngamandla kwisigaba sesibini. Abadlali baqale ngokudlala umdlalo odibeneyo besebenzisa izakhono zabo namendu.

Uxinizelelo olufakwe yiLovers kwisigaba sesibini lulo olwenze yafumana amagowuli amabini ngokukhawuleza kwisigaba sesibini somdlalo.

Lo nto inyanzele umdlalo ukuba uye kumapenela apho iTexus iphumelele ngo’4-3, yaba ithwaliswa isithsaba sobuntshatsheli ekupheleni kwemini.

Nangona kungekho lula ukuqokelela ulutsha kule mihla – kodwa abaququzeleli bale tumente bonelisekile yindlela abaqhube ngayo. Amaqela aphumeleleyo ngokohlukana kwamanqanaba azuze iindebe, iimbasa nemali.

Le tumente ibiliqonga elihle lokuqaqambisa izakhono zabadlali bebhola ekhatywayo.