iTS Galaxy neSuperSport United zibambene ngelinye macala eMbombela Stadium

Umdlali weTS Galaxy, uEbrahim Seedat noKeenan Phillips weSupersport United F.C., emdlalweni weDStv Premiership obuseMbombela Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: Dirk Kotze/BackpagePix

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpumalanga, iTS Galaxy, lisatutsalaza endaweni embi kwiDStv Premiership emva kokuba lilahle umdlalo sele liwufumene. Emdlalweni wanamhlanje weDStv Premiership obuseMbombela Stadium emalanga, iTS Galaxy ibambene ngegowuli elinye neSuperSport United. Omabini amaqela aye emdlalweni ezingela amanqaku apheleleyo ukuze aphucule iindawo akuzo kwiDStv Premiership. Kodwa ekupheleni komdlalo, omabini akakwazanga ukuphumelela umdlalo. Itsazise igazi kuqala iTS Galaxy ngebhola efakwe ngu-Orebotse Mongae emzuzwini weshumi elinesithathu.

Igowuli livele emva komsebenzi omhle owenziwe yifolosi yaseNigeria, uAugustine Kwem, osebenzise impazamo eyenziwe ngabadlali beSuperSport United. Amatsatsantsa anyuse umxakatho, aya phambili ezingela igowuli lokulinganisa. UJamie Webber ufake igowuli lokulinganisa ngepenela emva kokuba uMongae ewise u-Iqraam Rayners emhlabeni kanozinti. Umdlalo uye kwisigaba sesibini amaqela ebambene ngegowuli elinye macala. Iqela lasePitoli liye emdlalweni lifuna ukulungisa iimpazamo ezibangele libethwe yiPirates ngamagowuli amathathu kwamabini phakathi evekini.

Nangona iimpazamo bezisekhona nanamhlanje – kodwa likwazile ukufumana into emdlalweni wanamhlanje. URonwen Williams usebenzile kwisigaba sesibini somdlalo ngoba abadlali beTS Galaxy bebehlasela ngamandla. Ukungaphumeleli kweTS Galaxy kuyishiye isajingelwa lizembe phezu kwayo kwindawo yeshumi elinesihlanu. Kanti yona iSuperSport United ihleli kwindawo yesixhenxe emva kokuqokelela amashumi amathathu amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesibini. Emidlalweni yale veki emibini, iqela likaKaitano Tembo lifumene inqaku elinye.

TS Galaxy: Buthelezi, Sanoka, Seedat, Msimango, Mere, Brooks, Hlongwane, Mongae, Teto, Kwem

Amalalela: Kolak, Lekay, Mbunjana, Aubaas, Fakude, Mngomezulu, Nduli, Munyai, Mahlangu.

SuperSport United: Williams, Philipps, Johannes, Ditlhokwe, Ngobeni, Ngoma, Webber, Donn, Rayners, Gabuza, Lungu.

Amalalela: Pule, Nhlapo, Mbatha, Bhasera, Soumahoro, Rasebotja, Waiswa, Manziba, Mazibuko.