Itumente yolutsha ePort Alfred

Kwitumente ebibanjelwe kumabala aseNdlovini ePort Alfred ukuhlonipha ulutsha lonyaka ka1976, iBlack Aces ibeziintshatsheli.

Umququzeleli wale tumente uZakes Vulani, uthe ubone ukuba makahloniphe amaqhawe ka1976 ngokuthi enze le tumente nayibize njengeYouth Month Tournament ibinamaqela alishumi ebethe athatha inxaxheba. Uthe: “Zinkulu izinto esazenzelwa lulutsha luka 1976 yilo nto ndibone ukuba mandiqokelele ulutsha ndaweninye ukuhlonipha la maqhawe.”

Lo kaVulani ukwaveze ukuba uyikhuphe epokothweni kuye imali ethe yaphunyelelwa ngamaqela amabini, elo lithe laziintshatsheli kunye nelilele kwindawo yesibini. Kwaye yimali elinganiselwa kwiR2 700 ayikhuphileyo.

IBlack Aces ithe yazifumanela imali eyiR1 800, lo gama iYoung Pirates ifumene iR900 ngokulala endaweni yesibini, kulandela ukubethwa kwayo yiAces ngamanqaku amabini eqandeni.

U-Anele Mayekiso nongumqeqeshi weqela leAces uthe wonelisekile yindlela iqela lakhe elidlale ngayo, kwaye uvuyela nokuba ililo elihambe phambil. U-Akhona Jobela nongukapteni weli qela uthe bebedlalela ukufika kwimidlalo yamagqibela kankqoyi nto leyo bakwazileyo ukuyenza.

Umqeqeshi weYoung Pirates uLuvuyo Noyila uthe, beleli qela bebengajonganga kakhulu ukuphumelela le tumente. Bebefuna ukudlala bayofika kumdlalo wokugqibela kuba befuna ukufika kwiiPlayoffs zeSAB bekwimeko elungileyo nanjengoko ingabo iintshatsheli zeSAB apha eNdlambe.