Iziphumo zingamfaka engxakini uShakes

Ukungakwazi kweBafana Bafana ukuya kwi-2017 AFCON kunokwenzeka kunyanzele iSAFA yenze iinguqu.

Umongameli weSAFA, uDanny Jordaan, ucatshulwe kumajelo eendaba esithi umsebenzi kaShakes Mashaba bazakuwuphonononga kwezi nyanga zizayo.

ABafana Bafana babethe iGambia ngo’4-0 kumdlalo wokuzibekela indawo kwi-AFCON ezayo, kodwa oko khange kwanele. Ngoku kugqityiwe uMzantsi Afrika uzakuphoswa yile tumente yamazwe e-Afrika.

Ekuqeshweni kwakhe uMashaba ngo’2014, ukuthatha inxaxheba kwi2017 AFCON nakwi-2018 FIFA World Cup yayizezona zinto zibalulekileyo ekufuneka ezenzile ngokwesibhambathiso sakhe nombutho olawula ibhola yelizwe loMzantsi Afrika.

Ukuqeshwa kukaMashaba kwaphenjelelwa kukuphoswa kweBafana Bafana yindebe yehlabathi ebisingethwe yiBrazil ngo’2014. isiqalo sakhe umqeqeshi sibesihle kakhulu ngoba ukwazile ukuthatha iqela walisa kwi2015 AFCON eyayidlalelwa e-Equitorial Guinea.

Kodwa izinto zange zilihambele kakuhle iqela lesizwe ngoba laphuma kumjikelo wokuqala.

UJordaan uthele thsuphe iintatheli kumsitho wokuthelekiswa kwamaqela adlala kwi-ABC Motsepe League ngoMvulo ukuba kufuneka balinde iphele yonke imidlalo bandule beyiSAFA ukuthetha ngomsebenzi kaShakes.

“Into esinokuyenza ngoku kukulinda kude kuphele le midlalo ye-AFCON, emva koko sakuthi sihlale phantsi sihlalutye imidlalo yeBafana Bafana yonke. Asinakuyenza lo nto ngoku,” utshilo uJordaan.

UMashaba uvumile ke kambe ukuba ngokwenene iqela lakhe libaphoxile abalandeli balo.

“Asikwazi ukuya kwi-AFCON, nomdlalo wethu neMauritania sabethwa likhadi elibomvu. Kodwa endifuna ukutsho kubalandeli bethu kukuthi sizichane ngokwethu. Ndiyazi bebefuna ukuba sibeyinxalenye yala tumente,” utshilo uShakes.

Lo kaMashaba uthe eyona nto ayijongileyo ngoku yimidlalo ehlakulela indebe yehlabathi ka’2018 ezakube iseRussia.

pedro.mapelo@Inl.co.za