Katsande: Kufanele sibanike indebe abalandeli

Intsika yeKaizer Chiefs, uWillard Katsande, iyibethe ngoyaba into yokwenza imbali njengoyena mdlali odlale imidlalo emininzi.

Ngaphambili ibinguSiphiwe Tshabalala odlale imidlalo emininzi kwiChiefs. Amakhosi aza kuqubisana neOrlando Pirates emdlalweni weTelkom Knockout okulindeleke utake iintlantsi ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo eMoses Mabhida Stadium.

Ukuba uKatsande udlalile, lo nto iyakuthetha ukuthi ulingana no-Itumeleng Khune osele edlale imidlalo yedabi laseSoweto engamashumi amabini anesixhenxe.

Umdlali odlale kakhulu kwidabi labakhaya nguTshabalala.

“Ngeke ndithi ndijonge ukophula irekhodi likaShabba. Ndingumfana nje ozisukela eZimbabwe.

Ukudlala idabi imidlalo engamashumi amabini anesixhenxe yinto ekhethekileyo kum.

Ndiyakuvuyela ukuba yinxalenye yemidlalo enje,” utshilo uKatsande.

Ukusukela oko iqalile isizini, iChiefs iqhuba kakuhle kakhulu.

Ihleli phezulu kwiPSL emva kokuqokelela amashumi amabini anesithathu amanqaku emidlalweni elithoba.

Yona iPirates ihleli kwindawo yesibhozo emva kokubetha iHighlands Park ngo’1-0 ekuqaleni kwale veki.

Nangona itsala nzima nje iPirates kule sizini kodwa izinto ziye zahluke xa idibene neChiefs.

“Injongo yethu kukuqinisekisa okokuba abalandeli bayalithemba iqela. Ngoku kufike ixesha lokuba sibanike indebe.

Ngokwamava wam emidlalweni engamashumi amabini anesixhenxe, umdlalo wabakhaya usoloko unzima.

Kuye kuxhomekeke ukuba leliphi iqela elilambe kakhulu.

Ungayilangazelela impumelelo xa uzihlalele ekhaya kodwa ukuba xa kufika uMgqibelo ube ungayilambelanga kakhulu, ngeke uphumelele.

Kungoko kuxhomekeke kuthi ukuqinisekisa ukuba siyifuna ngokupheleleyo impumelelo xa kufika uMgqibelo,” utshilo uKatsande.

Ukuphumelela kweBucs ngoLwesibini kumonwabise kakhulu uRhulani Mokwena ngokuba ebesazi kakuhle ukuba lo nto iya kuba nefuthe elihle ebadlalini bakhe xa bedibana neChiefs emdlalweni weTelkom.

Nakubeni iPirates ingaqhubi kakuhle phantsi kwakhe kodwa naye uMokwena unethemba lokuphumelela ngokuba lo nto ingalinceda iqela lakhe ukuya phambili.