Khoza: Akayi ndawo uRhulani

Bonke abafuna kugxothwe umqeqeshi weOrlando Pirates mabasele amanzi baxole ngoba lo nto ayizukwenzeka.

Oku kuqinisekiswe ngusihlalo weBucs, uGqr Irvin Khoza, kwingxelo ekhutshwe liSolezwe.

URhulani Mokwena, 34, unyuselwe wangumqeqeshi oyintloko emva kokuhamba kukaMilutin Sredojevic ekuqaleni kwesizini. Ayiqhubanga kakuhle iPirates emidlalweni emininzi. Kangangokuba sele ikhutshwe kwiCaf Champions League, kwiMTN 8 nakwiTelkom Knockout.

Lo nto ayihlelanga kakuhle kubalandeli bePirates abathile. Yiminyaka engaphaya kwesihlanu iPirates ingasafumani ndebe. Leyo yenye yezinto eyenza abalandeli bayo bahlale benolaka.

Nangona kunjalo, kodwa uKhoza uthi umqeqeshi akayi ndawo kude kuphele isizini. UKhoza uthi ukunikwa kukaMokwena isikhundla zange kwathathwa njengento esisisombululo kwingxaki enayo iPirates ngoba akazange wajongana nomthwalo omkhulu ngaphambili.

Eyona nto ebiphambili kwisigqibo seqela kukunika uMokwena.

“Ngokuya sasimqasha, sathi uza kubamba kude kuphele isizini. Abalandeli bayazi ukuba zange sithi isigqibo sethu silungile okanye asilunganga. Into eyayibalulekile kukunika umqeqeshi ithuba lokuzibonakalisa elimfaneleyo. Sevana ngalo nto ukuba uza kubamba kude kuphele isizini,” utshilo uKhoza.

Kokwesibini uMokwena efumana inkxaso epheleleyo kusihlalo weqela lakhe, kodwa usaphoxwa kukunqaba kweziphumo ebaleni. Yeyona nto ebangela abalandeli bangonwabi leyo.

Kule sizini, iPirates seyidlale imidlalo elishumi elinanye kwiAbsa Premiership. Kuloo midlalo, iphumelele kathathu, yadlala ntanganye kwemine yaze yabethwa kweminye emine.

Inamanqaku alishumi elinesithathu qha, kanti yona iKaizer Chiefs, ehleli kwindawo yokuqala, inamashumi amabini anesibhozo amanqaku.

Kwiveki ezayo ngoLwesibini, iBucs iza kwamkela iPolokwane City emdlalweni weAbsa Premiership oza kube useOrlando Stadium ngorhatya.

Nangona izinto zingamhambelanga kakuhle uMokwena emidlalweni ethile kodwa uvakalise ithemba lokuguquka kwezinto ngokuhamba kwexesha.