Komphela: Iqela alinalo ulwamvila

Nangona iGolden Arrows iphumelele kodwa umqeqeshi wayo ukhale ngokungabi nawo amandla okongamela utshaba emidlalweni.

Abafana Bes’thende babethe iPolokwane City ngo’2-1 emdlalweni obubanjelwe eSugar Ray Xulu Stadium kwiveki ephelileyo.

Akonwabanga uSteve Komphela ngokuba iArrows ifake igowuli ephumelele ngalo kwixesha elongezwe ngusompempe.

“Bekufanele ukuba iArrows isendaweni engcono. Ukuba uyayijonga imidlalo esiyidlale neStellenbosch, iBloemfontein Celtic neChiefs – iqela lethu beliwaphethe ngezandla ezitamtam loo maqela. Bekufanele siyibethe kwangoko iPolokwane ngokuba asinalo ulwamvila. Ngendiphambene ukuba besingaphumelelanga ngokuba sithi abanike ithemba iPolokwane ngokuyivumela ifake igowuli,” utshilo uKomphela emva komdlalo.