Kufuneka aqale ekuqaleni umqeqeshi weChippa United

Nangona iChippa United ingakwazi ukuphumelela imidlalo ebaleni – kodwa ayinantanga kwicala lokutshintshatshintsha abaqeqeshi.

Ekuqaleni kwale veki, uNorman Mapeza, waziswe njengomqeqeshi wayo omtsha. Oku kwenzeke emva kokuba uMnu.

Siviwe Mpengesi esuse esikhundleni uDuran Francis obebambele emidlalweni emibini qha. Kwiiveki ezimbalwa, uMpengesi unike uphum’aphele uClinton Larsen emva kwemidlalo emihlanu.

UMapeza kuthiwa utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu engumqeqeshi.

Kwiminyaka yangaphambili, uMapeza uzenzele igama ebholeni kumaqela afana ne-Ajax Cape Town, iCAPS United FC neFC Platinum – kodwa ukutshintsha izinto kwiChippa United yinto wonke ubani olandela ibhola ekhatywayo afuna ukuyibona.

UMpengesi uvakalise uvuyo lwakhe ngethuba esazisa umqeqeshi wakhe omtsha.

“Siyakuvuyela ukuba nomqeqeshi ofana noMapeza ngoba ungumqeqeshi ohlonitshwayo ngoogxa bakhe ebholeni ekhatywayo.

Uza namava esicinga ukuba aya kukhuthaza abadlali,” ucatshulwe ngaloo mazwi uMpengesi ngamajelo eendaba.

OkaMapeza uthatha iqela elitsala nzima futhi elinabadlali abaphazamisekileyo ezingqondweni ngenxa yokutshintshwa kwabaqeqeshi okungenasiphelo.

IChippa ihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu kwiPSL kwaye isakhangela impumelelo yayo emva kokudlala imidlalo esibhozo.

Ebusuku bangoLwesibini kule veki, uMbuyiselo Sambu obelibambela mqeqeshi, ugoduke ephoxekile emva kokuba iChippa ibethwe ngo’1-0 yiBidvest Wits emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium.

USambu uzobe umfanekiso weqela elinabadlali abangazithembanga ngenxa yezinto ezenzeka eqeleni.

Lo nto ithetha ukuthi uMapeza uza kusokola ngoba kufuneka aqale phantsi kodwa ke unexesha ngoba imidlalo isathe nqumama.

“Asiwuqalanga kakuhle umdlalo ngoba ukuzithemba kwabadlali kuphantsi.

Iqela lidlale ngcono kwisiqingatha sesibini, kude kwakho nemingqandandana yamathuba.

Kufuneka siqinisekise ukuba silungisa ubume beengqondo zabadlali ngoba igowuli elingeneyo emdlalweni libangelwe kukulahleka kwengqiqo yabo sekuphela ixesha,” utshilo uSambu.