Kugcinwa ulutsha luxakekile ngemidlalo eNgcobo

Kwiinzame zakhe zokukhwebula ulutsha ekwenzeni izinto ezigwenxa utitshala waseNgcobo uXolisa Salman wasungula imidlalo egcina abantu abatsha baseCobosi bexakekile.

Le midlalo yaqala ngonyaka ka2010, yaye nakulo unyaka ibe- yimpumelelo, abantu abatsha nabantwana bayonwabele kakhulu. USalman uthi ngokungenelela kwakhe ekuhlaleni agcine ulutsha luxakekile, unethemba lokuba amathuba okulwa kwamakhwenkwe ngezizathu ezingekhoyo, ukukhulelwa kwabantwana abaselula kunye nokusetyenziswa kweziyobisi kungancipha xa aba bantu batsha benento yokwenza. Umgqibelo neCawa yimini exakekileyo eCobosi yokudlala ibhola ekhatywayo kunye neyomnyazi.

Umntu omtsha osebenzisana noSalman ekuququzeleleni le midlalo uNdumiso Ngqisha uthi abantu abatsha mabazikhwebule kwiindawo ezingenakamva ezingayi mpumelelweni.

“Mntu omtsha sukufuna ukwaziwa ngokutshaya intsangu, ukusela kakhulu utywala, ukukhuthuza abantu ngamabhozo ebusuku okanye ukuba namantombazana okanye abafana abaninzi, khawaziwe njengentshatsheli kwimidlalo okanye umculo nezinye izinto ezinganceda ikamva lakho ngenye imini,’’ ukhuthaza ngelo uNgqisha.Igosa elivela kwisebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko kwi ofisi yaseBhisho uNozuko Damoyi ukhuthaze ulutsha ukuba luyithathele ingqalelo le midlalo, watsho ekhuthaza noSalman ukuba aqhubeke asebenzisane naba bantwana ekwakheni isizwe esinekamva. Amaqela aphumeleleyo afumene iindebe kunye neekiti ezine ezipheleleyo. Wonke umntu othathe inxaxheba uwongwe ngemedali, aza amaqela onke afumana iibhola. Umdlali ofake awona manqaku maninzi ufumene imali yokuthenga izihlangu zokudlala ibhola.