Kugqityiwe, iMadibazi iya kwiVarsity Cup!

Emva kweesizini ezimbini idlala kwiVarsity Shield, ngoku iMadibaz ilungiselela isizini ezayo kwinqanaba elingasentla. Oku kwenzeka emva kokuba iMadibaz inyuselwe kwiVarsity Cup nangona isizini iye yanqunyanyiswe ngenxa yekhorona.

IMadibaz liqela lombhoxo laseNelson Mandela University elithath’ inxaxheba kukhuphiswano lamaqela amaziko emfundo aphakamileyo onke aseMzantsi Afrika.

Izikhulu zeVarsity Cup zigqibe kwelokuba iMadibaz inyuselwe ngoba ibiphambili ngamanqaku kwiisizini ezimbini zilandelelana.

Kuthe xa kuphindwa kunjongwa indlela amaqela ame ngayo kule isizini, kwabonakala okokuba kufanele inyuselwe.

Oyintloko kwiMadibaz, uLumka Ngcakana, usamkele ngovuyo isigqibo esithathwe zizikhulu zeVarsity Cup. “Ziyasonwabisa kakhulu iindaba esizifumeneyo.

“Ibe lilishwa into yokungagqitywa kwesizini ngoba besifuna ukuphumelela ngendlela eqhelekileyo,” utshilo uNgcakana kwingxelo ayenze kumajelo endaba.

UNgcakana uthe iMadibaz izuze impumelelo kule sizini ngenxa yentsebenziswano phakathi kwabadlali, abaphathi, intloko yesikolo, abafundi nabaqeqeshi.

“Konke kwenzeke ngenxa yokusebenzisana. Siyayibulela inkxaso esiyifumene kubantu abasilungiselela ibala, intloko yesikolo (uNjingalwazi Sibongile Muthwa), abafundi nabaxhasi bethu ngezimali.

Siliqela siyakuvuyela ukuya kwinqanaba elingasentla emva kweminyaka eliqela sizama,” utshilo uNgcakana.

Umsebenzi onzima oza kujongana nabaqeqeshi kukugcina iMadibaz kwinqaba eliphezulu embhoxweni wezikolo.

“Ukusukela ngoku, siza kuqala amalungiselelo wesizini ezayo,” uvale ngalo mazwi uNgcakana.

Ayikwazanga ukunyukela ngasentla iWalter Sisulu University nangona iqhube kakuhle kakhulu kwisizini ka-2020.

Kulindeleke iVarsity Cup idlalwe ngamaqela alishumi – kodwa kuthiwa ica kucuthwa iye kwinkqubo yesiqhelo yamaqela asibhozo ngo-2022 xa kuthotyiselwe amabini kunyaka ozayo.

Lo nto ithetha ukuthi akukho qela elidlala kwiVarsity Shield eliza kunyuselwa.

pedro.mapelo@inl.co.za