Kuqwalaselwa ikamva likaToto Helebe

Ziwe phantsi iinzame zikaToto Helebe waseKapa zokuphumelela intshinga yeABU Africa. OkaHelebe ubethwe ngamanqaku nguNathaniel Kakololo waseWindhoek, eNamibia, emdlalweni wamanqindi kwiveki ephelileyo.

Abasemfuthweni bathi umlo ubuvutha bhe kwaye ubamise ngeenyawo abantu imijikelo yolishumi elinambini.

UManejala kaHelebe, uSinethemba Mandyoli, uyiqhwabele izandla imbethimanqindi yakhe nangona ingakwazanga ukubuya nodumo elizweni elingumakhelwane.

“Iimbethi zaseNamibia zilushica. Udlalile uToto phaya, ubungekho lula la mlo. Zimbalwa iimbethimanqindi zalapha eMzantsi Afrika ezilwa zide ziyokufika kumjikelo weshumi elinambini kweliya ilizwe,” utshilo uMandyoli.

Umqeqeshi uthi nakubeni indodana yakhe ibuye ingaphethanga nto, kuninzi abakufundileyo emlweni nakwindlela ezenziwa ngayo izinto kwilizwe laseNamibia.

“Siliqela labaququzeleli noomanejala bakaHelebe, sifunde lukhulu kwindlela ezenziwa ngayo izinto eNamibia. Ndiyakholwa ukuba esikufunde phaya kuza kusinceda futhi kuza kusikhulisa emdlalweni wamanqindi,” utshilo uMandyoli.

UMphathi kaHelebe uthi bazimisele ukubamba intlanganiso nembethimanqindi yabo ukuze bajonge indlela eya phambili.

“Okwethu ngoku kukuhlala phantsi silungise iziphoso esizibonileyo kumlo odlulileyo. Sifuna nokuzama ukuqwalasela ikamva lembethimanqindi yethu,” utshilo uMandyoli.

Embalini yakhe njengembethimanqindi, uToto Helebe uphumelele imilo engamashumi amabini, ubethwe kwesibhozo kuphela.

Phantsi kwegama lakhe, uHelebe uphumelele intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweNtambanani kunye neyeWBA Pan Africa.