Kuse kude engqinibeni kumazwe aseAfrika!

UMohamed Salah kumdlalo obuphakathi kweEgypt neSaudi Arabia kumdlalo obuseVolgograd Stadium, eRussia

Iiveki ezimbini ziphelile ngoku amazwe ehlabathi ekhuphisana kwiNdebe yeHlabathi eseRussia.

Zininzi kakhulu izinto ezintle nezimbi ezenzekileyo – kodwa ezenza ibhola ekhatywayo ihlale ingowona mdlalo uphambili kwihlabathi lonke.

Kwizinto ezintsha iFIFA eze nazo kulo nyaka ibe kukumiliselwa kwenkqubo yobuchwepheshe entsha ekuthiwa yiVAR encedisa oosompempe ekuthatheni izigqibo abangaqinisekanga ngazo.

Nakubeni abanye abantu beyikhalazela – kodwa yona ibe luncedo. Maxa wambi ayisetyenziswanga ngokupheleleyo iVAR emidlalweni – mhlawumbi, kukungaqheleki kwayo ncam koosompempe.

Kodwa ubukho beVAR yinto entle ngoba ilungise izigqibo engeziwabethile amanye amazwe.

Ubudikidiki bomdlalo wamazwe afana neGermany, iBrazil, iSpain neArgentina kuye kwaphantse ukuyibandisa indebe yehlabathi.

Ukufunquka komgangatho wamazwe afana neMexico, iCoatia, iSenegal neRussia emva kokuphumelela imidlalo yayo ebethe kuyo amazwe amakhulu ibe yinto encomekayo futhi eshiye abantu bothukile.

Ifolosi yeNgilane, uHarry Kane, osele enamagowuli amahlanu kwimidlalo emibini, yenye yezinto ezincomekayo ngoba ubeke emva kwakhe iziqwayi zehlabathi ezifana noCristiano Ronaldo onamagowuli amathathu noRomenu Lukaku onamane naye noLionel Messi onelinye. Into engaphaya kwamashumi amabini eepenela ezikhatywe kwindebe yehlabathi yinto eqaphelekileyo ekunokwenzeka ukuba inefuthe leVAR.

Nakubeni kukho iintlantsi ezibonakalisa ukukhula kwebhola yaseAfrika phaya naphaya – kodwa ukukhutshwa kwamazwe amaninzi kwakumjikelo wokuqala yinto ebonisileyo ukuba kuse kude engqinibeni. AmaYiphutha, iMorocco neTunisia zigoduke kwakusasa emva kokungaqhubi kakuhle kwimidlalo yokuqala.

ISenegal neNigeria – zikwazile ukuxolisa abantu baseAfrika ngokuphumelela umdlalo ilizwe ngalinye noxa bekungecaci ncam nokuba zakudlulela na kumjikelo olandelayo – kodwa iNigeria ikhutshiwe nayo yiArgentina.

UMohamed Salah, oye kwindebe yehlabathi engaphilanga kakuhle, akakwazanga ukuyisindisa iEgypt kwimidlalo emibini ayidlalileyo nakubeni ekwazile ukufaka amagowuli amabini. AmaYiphutha abethwe yiSaudi Arabia ngo’2-1 kumdlalo wokugqibela.

Ukubethwa kweYiphutha kunyanzele uSalah ukuba acele uxolo kubantu belizwe lakhe ngokubaphoxa kwindebe yehlabathi. Yona iMorocco, ebenelishwa lokubethwa kwimidlalo emibini, ibambene ngo’2-2 neSpain kumdlalo wokugqibela.

Kanti izinto aziyihambelanga kakuhle iTunisia emva kokubethwa yiNgilane nayiBelgium.