Kuyanceda ukusa imidlalo yombhoxo ezilokishini

Umphathiswa wezeMidlalo, uTokozile Xasa, uthi ukusa imidlalo yeSuperSport Challenge ezilokishini kukhulisa umdlalo wombhoxo.

UXasa ukuthethe oku kwimidlalo yokuvula itumente yeSuperSport ebibanjelwe eWolfson Stadium, eBhayi.

“Ukuzisa imidlalo yale tumente yinto entle encomekayo, yaye iza kuwukhulisa umdlalo wombhoxo ezilokishini,” utshilo uXasa.

UXasa uthi belisebe baza kuyibuyisela imidlalo ezikolweni kwilizwe lonke. “Siza kuyibuyisela imidlalo kwizikolo ezisezilokishini nasemaphandleni ngoba sikholelwa ukuba lo nto iza kubanegalelo elihle ekuphuhliseni ulutsha,” utshilo uXasa.

Umongameli weSARU, uMark Alexander, ulincomile igalelo lale midlalo ekuphuhliseni abadlali bebala.

“Le tumente iyasinceda kakhulu ekuphuhliseni abadlali bebala. Baninzi abadlali bebala abaphuhliswe kwitumente ezikumila kunje. Kubo singabalula abadlali beSharks abafana noLukhanyo Am noMakazole Mapimpi. ULukhanyo usuka apha kule midlalo. UliBhokobhoko ngoku futhi ndiyakholelwa ukuba nooMapimpi noDyantyi [Aphiwe] baza kunikwa ithuba kwiqela lesizwe,” utshilo uAlexander.

Umongameli weSARU uliqhwabele izandla iphulo elenziwe ngabaququzeleli bale tumente lokusa lemidlalo ezilokishini.

“Ukuzisa le midlalo kwiindawo ezinje kunika abantu ithuba lokubukela imidlalo ekwizinga eliphezulu simahla,” uvale ngalo mazwi uAlexander.

Iziphumo zemidlalo yeSupersport Challenge: iBoland Cavaliers itywatyushe iBorder Bulldogs ngo’51-24. Kanti iintshatsheli ezikhuselayo, iWestern Province, zihlaze kakhulu iEastern Province Elephants ngo’59-12.

Ime ngolu hlobo imidlalo yeSupersport Challenge yamaqela aseMpuma Koloni kulo Mgqibelo: iBorder Bulldogs yamkela iDHL Western Province, eBuffalo City Stadium ngentsimbi yesithathu emva kwemini. IEastern Province inyathelana neSWD Eagles, eNelson Mandela Bay Stadium, ngomkhono emva kwentsimbi yeshumi elinambini.