Kuzakushiyana oomam’ukondla e-Orient Theatre

Umlo ophakathi kweentshatsheli, uMacbute “Macman” Sinyabi nedyongwana esaze ngobuso ezweni * -Azinga “Golden Boy” Fuzile, kulindeleke ukuba utsale umdla omkhulu wababukeli ngorhatya lwangoLwesihlanu, e-Orient Theatre, eMonti.

Kulo mlo uSinyabi,29, waseMdantsane, uzakube ekhusela intshinga yakhe iSA Featherweight kwenye yeembethi manqindi ezinekamva eliqaqambileyo uFuzile waseDuncan Village.

Nawuphina umlo ophakathi kweembethi manqindi zezi ndawo zikhankanywe ngasentla, usoloko ubohlula phakathi abantu baseMonti ngenxa yembali yomdlalo wamanqindi kwezi ndawo. Eyona nto inomtsalane kakhulu ngezi mbethi manqindi zimbini bubuchule obumangalisayo ezibusebenzisayo xa zidlala amanqindi, ingakumbi uSinyabi ngoba uyindoda ezenzele igama kwihlabathi jikelele.

USinyabi uya kulo mlo nembali entle kakhulu phantsi kwegama lakhe. Uphumelele imilo engamashumi amabini enethoba, mine kuphela imilo aphulukene nayo.

Kanti yena uFuzile akakabethwa kwiminyaka emibini kwinqanaba leembethi manqindi ezihlawulwayo. Kwinyanga ephelileyo, uFuzile, ubethe uRivo Rengkung kwintshinga ye-IBO ngaphaya e-Emerald Casino.

UMacman uxelele amajelo eendaba ukuba akazimiselanga kuyithatha kancinane le dyongwana azakulwa nayo. Abaququzeleli bale tumente, iXaba Promotions & Events, ithi ilindele abantu bazalise i-Orient Theatre ngenxa yomtsalane walo mlo.