Kwenziwe iinguqu kwiBulldogs!

Usukile esihlalweni sokuba ngumqeqeshi weBorder Bulldogs – uDavid Dobela.

IiBulldogs azikwazanga ukuya kumdlalo owandulela amagqibela kankqoyi njengoko bekulindelekile kwisizini ephelileyo kwitumente yeSupersport Challenge – kodwa ayisiso isizathu esibangele ukuba asuswe kwesi sikhundla umnumzana Dobela ngokwamazwi womqondisi wombhoxo weli qela, uDumisani Mani.

“Ukushokoxeka kwamadoda anesakhono sokuqeqesha abaqeqeshi abasakhasayo kummandla weBorder kuko okubangele sisuse uDavid [Dobela] esikhundleni sokuqeqesha iiBulldogs. Simcelile ukuba ajongane nale micimbi,” itshilo indedeba yakwaMani.

Ebuzwa ngokuba ngubani ozakungena ezinyaweni zikaDobela, uphendule wenjenje uMani: “Okwangoku sisemanxada-nxada sishukuxa lo mba isigqeba esiphezulu seliqela. Andikayazi ukuba iyakuba ngubani na.”

OkaMani uthi obesakuba ngumqeqeshi wabadlali abaneminyaka engaphantsi kumashumi amabini, uThembani Mkhokheli, nguye ozakunyuselwa ajongane nezakhono kumakhwenkwe amakhulu eli qela.

“UThembani Mkhokheli simcelile ukuba ajongane nokuphucula izakhono zamakhwenkwe amakhulu kweli qela. USiyabonga Tiger Mangweni uzakusigcina isikhundla sakhe sokujongana nendlela abakhusela ngayo abadlali bethu, aze uBlack Mtika abengumqeqeshi weefolosi. Mna ke ndizakuqinisekisa ukuba wonke la madoda ayenza kakuhle imisebenzi yawo,” utshilo okaMani.