Kwidabi elikhulu namhlanje, ngubani ozakuphumelela?

Micho Stredojevic coach of Orlando Pirates and Steve Komphela coach of Kaizer Chiefs uring the Absa Premiership 2017/18 Kaizer Chiefs and Orlando Pirates joint Press Conference on 19 October 2017 at Absa Contact center, @Sydney Mahlangu/BackpagePix

Namhlanje Amakhosi
axikixana ne-Orlando Pirates kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ongo’15:30
eFNB Stadium. Nangona imidlalo yala maqela angawona alandelwa kakhulu eMzantsi
Afrika inamaxesha okubaphoxa abalandeli bawo – kodwa kukho ithemba lezinto
ezingcono kweli tyeli. AmaBhaka-bhaka anomqeqeshi omtsha kule sizini, uMilutin ‘Micho’
Sredojevic, okucingeleka okokuba angeza nento entsha kulo mdlalo emva kokuphucula
indlela adlala ngayo kule sizini. Yona iKaizer Chiefs iya kulo mdlalo
inyathelela phezulu kukuzithemba emva kokubetha iMamelodi Sundowns ngo’2-1
ngoLwesibini wale veki – kodwa uSteve Komphela uthi usakhangela iqhinga
lokuqubisana nePirates ngoba umqeqeshi wayo usemtsha.

“Akululanga
ukulungiselela iPirates, ngoku kukho uMicho osemtsha noxa sesiyibonile nje indlela
adlala ngayo. IPirates ayidlali ngendlela enye. Kubakho amaxesha idlalise
abadlali abahlanu emva, ngamanye amaxesha babe bathathu,” utshilo uKomphela
xeshikweni ethetha neentatheli kule veki.

Lo
kaKomphela uyaliqonda nefuthe likasekela mqeqeshi ofana noRhulani Mokwena
kwiBucs – obefudula engungqondo-ngqondo kwiMamelodi Sundowns phantsi kwesandla
sikaPitso Mosimane.

“Awukwazi
ukubajongela phantsi abantu abakwaziyo ukucinga phaya kwiPirates. La ntwana
inguRhulani sebenzisa ingqondo kakhulu – ungayideleli. Zange ndimfundise nto
uRhulani, uThixo wamnika italente qha. Nabo beza kwiChiefs bengayazi into
elindelekileyo. Yeyabo leyo, kufuneka sijongane nengxaki ebaleni thina qha.
Kukho abaqeqeshi abaya edabini besazi okulindelekileyo. Kuphinde kubekho abo
bakwaziyo ukusombulula iingxaki ebaleni. Kulo umdlalo kufuneka abantu
abazakuthi bakwazi ukuqubisana neengxaki xa zisenzeka ebaleni,” utshilo
uKomphela.

Kule isizini
iPirates ibe nesiqalo esingcono xa kuthelekiswa nesizini egqithileyo noxa
ingekasibambi ngokupheleleyo isingqi edume ngaso – kodwa umqeqeshi wayo,
uMilutin Sredojevic, unethemba lokuba izinto ziza kubangcono ngokuhamba
kwemidlalo. Iqela likaMicho liya kulo mdlalo kungekho nto ingako eliqhayisa
ngayo emva kokubambana ngo’1-1 nePlatinum Stars ekuqaleni kwale veki. Noxa
iPirates ingenaye umdlali ofaka amagowuli ngokufanayo noTendai Ndoro, izakubeka
ithemba layo kuThamsanqa Gabuza osaqhuba kakuhle phantsi kukaMicho futhi
onomkhwa yokuyonzakalisa iChiefs. Nakubeni ingxaki yeBucs yokungadibani phaya
emva ingekathi ncam – kodwa kukho ukuphucuka okubonakalayo. Ezimnyama
ziphumelele imidlalo emithathu, zadlala ntanganye kwemine zaze zabethwa komnye
kule isizini. Noxa umqeqeshi weSea-Robbers evuma okokuba iqela lakhe alikafiki
kwindawo alifuna kuyo – kodwa uyayazi into yokuba iziphumo ezincumisayo anokuzifumana
kulo mdlalo zingalifunqula iqela lakhe.

“Asikafiki
kowona mgangatho esiwufunayo. Lo nto iyinkuthazo ngoba ndilala ndisazi ukuba
kufuneka sivelise umsebenzi ongcono. Andikwazi ukuqikelela ukuba sakufika nini
kwindawo esiyifunayo, lo msebenzi awufani nemnxeba wona uthatha ngokucofa ube
sowusebenza. Ukwakha iqela ngumsebenzi othatha ixesha,” utshilo uSredojevic.

Enye
yezinto ezithi zigxobhe imidlalo ephakathi kwala maqela kukuqhotyoshwa
kwabadlali kuba kukho uloyiko lokuphulukana nemidlalo. Leyo yeyona nto ethoba umgangatho
womdlalo ubalulekileyo kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika. UMicho uyakwazi
okulindelekileyo ngoba imidlalo efana nale uyiqhelile. “Ukuzothi ga ngoku,
ndingatsho ukuba iyandonwabisa indlela abadlala ngayo abadlali. Sinethemba
lokuphucuka komsebenzi wethu. Imidlalo emikhulu njengale ifaka uloyiko
noxinizelelo kubadlali – kodwa ezo zinto ndifuna zishiyeke kuthi baqeqeshi,
hayi kubadlali. Bona ndifuna badlale ngokukhululeka ukuze bakwazi ukusinika
konke. Ndiqinisekile sizakuzifumana iziphumo ezincumisayo,” uvale ngalo mazwi
uMicho.