Liyaqhuba idabi lokulwela ukuhlala kwiPSL

Idabi lokulwela ukuhlala kwiPremier Soccer League liyaqhuba namhlanje xa amaqela amabini asemsileni azakube esilwela amanqaku amathathu.

I-University of Pretoria kufuneka izijule ijacu xa igagana nePolokwane City kumdlalo wePSL ngecala emva kweyesixhenxe.

ITuks ibibethwe kabuhlungu kumdlalo wayo wokugqibela wePSL, nalapho ibithwaxwe yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amathathu eqandeni.

Eli qela neliqeqeshwa nguShaun Bartlett liyalingana ngamanqaku neMaritzburg United ehleli emsileni, kwaye kunyanzelekile ukuba liphumelele kule midlalo mibini izayo ukuba lifuna ukusinda ezembeni. IPolokwane idlale ntanganye ngamanqaku amabini kumdlalo ubuphakathi kwayo neSuperSport United, kwaye ayizokwenza kubelula kwiTuks.

Abadlali abafana no-Essau Kanyenda noTshepo Matsemela bayakwazi ukwakha amathuba nokufaka amagowuli kwiPolokwane, kwaye izakuba idlalela kowayo iPolokwane.

Omnye umdlalo ozakube ujongwe ngamehlo abomvu, uphakathi kwePlatinum Stars neBloemfontein Celtic. IDikwena ijonge ukuvula umsantsa phakathi kwayo neKaizer Chiefs ehleli kwindawo yesine, kwaye ukudlalela kowayo eRoyal Bafokeng izakuyinika ukuzithemba.

Kwiveki ephelileyo, iDikwena ibanjwe yiFree State Stars waphela umdlalo la maqela mabini ebambene ngegowuli elinye macala. Ifolosi yeDikwena uNdumiso Mabena sele evakalisile ukuba ufuna iqela lakhe ligqibe isizini likwindawo yesithathu.

ICeltic yona sele iwe phantsi kwilinge lokungena kumaqela asibhoxo aphezulu kwiPSL, kodwa nayo iyawafuna amanqaku amathathu.