Makazole Mapimpi: Ukusuka kwaMoni ukuya eJapan

UMakazole Mapimpi oza kudlala okokuqala kwiNdebe yeHlabathi eza kuba seJapan umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Kuya mchwayitisa uMakazole Mapimpi ukuba yinxalenye yabadlali abayokumela uMzantsi Afrika kwiNdebe yeHlabathi eseJapan.

Le ndedeba iphakathi kwabadlali abangamashumi amathathu ananye abachongwe ngumqeqeshi waMabhokobhoko, uRassie Erasmus, abanikwe uxanduva lokuqinisekisa ukuba igama loMzantsi Afrika liyabhalwa kwakhona kwindebe yeWebb Ellis ngomhla wesibini kweyeNkanga.

UMapimpi uthi kuyamvuyisa ukuxwaya amathemba oMzantsi Afrika yaye uyayiqonda ukuba luxanduva olukhulu.

“Kuyandivuyisa ukuba kwiqela eliya kwiNdebe yeHlabathi ngoba ukuqala kwam ukudlala umbhoxo zange ndiyicinge eyokuba ndakuze ndibe yinxalenye yeqela lesizwe, ingakumbi eliya kwiNdebe yeHlabathi lithenjiwe ngabantu. Ndiyakholwa ukuba sonke singabadlali siyayiqonda ukuba sinoxanduva olukhulu ngoba sithenjwe kakhulu ngabalandeli,” uMapimpi utshilo.

UMapimpi, 29, ubulele bonke abantu abamncedileyo embhoxweni.

“Ndibulela kuye wonke umntu ondincedileyo embhoxweni ngoba mna ekuqaleni zange ndiyicinge le nto yombhoxo ukuba ingafikelela kweli nqanaba. Ndibulela wonke umntu ozidinileyo wandikhulisa kuquka nabasekhaya. Ndiyanithembisa, xa ndinikwe ithuba ndiza kuzimisela kangangoko ndinako eJapan,” utshilo uMapimpi.

Ugxa kaMapimpi kwilali yakwaMoni, uAthini Rhasi, umchaze uMapimpi njengomntu onesibindi. “Siwuqale sonke umbhoxo kwela qela laselalini. Into awayebalasele ngayo yayisisibindi. Ndiyayivuyela kakhulu inkqubela eyenzeka ebomini bakhe.”

Inqununu yaseJim Vabaza, uLulama Nkumanda, umchaze njengomntwana othobekileyo.

“Wayelungile kakhulu esikolweni, engumzekelo. Simvuyela kakhulu, ngumntwana esihleli nje senza umzekelo ngaye apha esikolweni.”

UMapimpi uwuqale umbhoxo elalini yakhe kwaMoni kwiqela ekuthiwa yiVultures Rugby Football Club nasesikolweni eJim Vabaza Senior Secondary, eTsholomnqa.

Ukusuka apho udlalele iWinter Rose yaseMdantsane ngo2012 nango2013.

Ngo2014 uqale ukudlala umbhoxo kwiBorder Bulldogs. Amanye amaqela awadlaleleyo yiSouthern Kings, iFree State Cheetahs, ungumdlali weSharks.