Mitchell: Liqaqambile ikamva leembethimanqindi zoMzantsi

Owayesakuba yinjinga yeWBA neIBF kwihlabathi, uBrian Mitchell, uyalincoma izinga lamanqindi aseMzantsi Afrika. Le ndedeba ikuthethe oku ngethuba ikutyelelo labucala eMonti ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Kwinyanga kaCanzibe, uHekkie Budler, wenze imbali ngokuthi abe yimbethimanqindi yokuqala eMzantsi Afrika ebambe iWBA neIBF ngaxeshanye. UBudler uziphumelele eJapan iintshinga zakhe emva kokubetha uRyoichi Taguchi ngamanqaku.

“Intle kakhulu into eyenziwe nguHekkie. Akekho umntu owakhe wayenza le nto ayenzileyo. Nendlela ayenze ngayo iyancomeka, ndiyamvuyela ngoba ndiyamazi ngumfana osebenza ngokuzimisela. URyoichi Taguchi ube yintshatsheli iminyaka emihlanu engabethwa, uHekkie umvingcele ekowabo eJapan. Ayonto ilula leyo,” utshilo uMitchell.

UMitchell unqwenelele impumelelo intshatsheli yeWBO kudidi lweNtambanani, uZolani Tete, eza kulwa kwiSuper 8 ethembisa ukunika imbethimanqindi ephumelele le tumente intywenka yemali. “Ndimnqwenelela impumelelo uTete.

Umele ilizwe lethu kula tumente. Impumelelo yakhe iza kubeka amanqindi wethu kwinqanaba eliphezulu,” utshilo uMitchell.

Ephefumla ngeembethimanqindi ezisakhulayo nezibonakala zinekamva eliqaqambileyo, uMitchell uthe:

“Liqaqambile ikamva lamanqindi kweli lizwe. Kukho abafana abanjengoAzinga Fuzile ekulindeleke ukuba babe ziintshatsheli zehlabathi zangomso.”

Lo kaMitchell uphose amazwi kwintshatsheli yeWBO Afrika kudidi lweLight weight uSiphiwe Vetyeka, osesibhedlele emva kokutshayiswa yimoto kwinyanga kaTshazimpuzi.

“Ndandingomnye owayesasaza kumlo wakhe noThompson Mokwana. Wadlala kakuhle kula mlo. Yanga angakhawuleza aphile,” utshilo uMitchell.

Kwezinye iindaba zamanqindi, ilishiyile eli phakade imbethimanqindi ebiseze ngobuso elizweni yaseLitha, uSimphiwe Mayeza.

UMayeza yimbethimanqindi yesibini yaseLitha esweleke kwisithuba seenyanga ezilithoba. Kunyaka ophelileyo kweyoMsintsi, enye yeembethi manqindi zaseLitha, uSinethemba Magibisela, yasutywa kukufa emva kokuhlatywa.