Mkhalele: Asifuni ukuyinika ithuba lokuphefumla iComoros

Helman Mkhalele coach South Africa during the 2022 Hollywood bets Cosafa Cup Quarter Final match between South Africa and Mozambique at King Zwelithini Stadium in Umlazi on the 13 July 2022 © Sydney Mahlangu/BackpagePix

Abadlali beqela lesizwe lebhola ekhatywayo babila besoma enkampini eGoli – apho balungiselela khona umlenze wesibini womdlalo ohlakulela ukuya kwi-African Nations Championship (Chan). Kwiveki ephelileyo, aBafana Bafana babuye imisila iphezulu emva kokuba bebethe iComoros ngo’1-0 emdlalweni wokuqala. Igowuli uMzantsi Afrika ophumelele ngalo umdlalo obukwiveki ephelileyo lifakwe nguKhulekani Shezi. Umqeqeshi obambeleyo, uHelman Mkhalele, ukhethe iidyongo kwiveki ephelileyo. Nakule iveki uzimisele ukusebenzisa abadlali abasakhulayo xa aBafana Bafana bedibana neComoros emdlalweni oza kube useDobsonville Stadium ngoMgqibelo.

UKhalele uxelele amajelo eendaba ukuba wonelisekile ngumsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe eComoros – kodwa ngoku ufuna bagqibezele emdlalweni ongempelaveki. “Ndichonge abanye abadlali abahlanu abatsha ngoba abanye abadlali bethu abazukwazi ukudlala ngenxa yokonzakala,” utshilo uMkhalele. “Sikhwebe abadlali abaquka uPromise Mkhuma, uGeorge Matlou, uSammy Seabi, uSibusiso Milazo noKeenan Phillips. Sikwenza oku kuba siqonda ukuba umdlalo wesibini esijongene nawo sobe ubelula. IComoros iza kuza kuthi ikelemile ngoba ifuna ukuguqula iziphumo zomdlalo ogqithileyo.

“Asifuni ukuyinika ithuba lokuphefumla emdlalweni wangempelaveki. Sifuna ukulawula umdlalo ukusukela ekuqaleni ude uphele,” utshilo uMkhalele othathe ithuba wavuyisana naBanyana Banyana ababuye eMorocco bevuya emva kokubuya nendebe yeWafcon. “Mandithathe eli thuba ndivuyisane naBanyana Banyana emva kokuphumelela indebe yeWomen’s Africa Cup of Nations ekuthiwa yiWafcon. Impumelelo yabo iyiguqule imo yelizwe. Ngoku abantu banethemba emva kokophakamisa ilizwe labo. Sifuna ukuthi siyavuyisana nabo futhi nathi sikhuthazekile ngumsebenzi wabo,” utshilo uMkhalele.